﻿
Iinkonzo zabaMmeli-lizwe
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

ICandelo eliyiNtloko leeNkonzo zabaMmeli-lizwe kwiSebe lemiCimbi yezaNgaphandle kunye namaCandelo abaMmeli-lizwe abaMmeli beloMzantsi Afrika kumazwe aphesheya zibonelela ngeenkonzo kubemmi baseMzantsi Afrika abasebenza, abahlala nabatyelela phesheya.

Nkonzo zini ezinokulindelwa ngabemmi baseMzantsi Afrika kumagosa angabaMmeli-lizwe?

Iinkonzo zikaxakeka:


Uncedo kucwangciso lokubuyisa abemi baseMzantsi Afrika abakumazwe aphesheya ngexesha loqulukubhode wezopolitiko, intlekele ebangelwa yindalo okanye ngabantu.
Ukumela abemmi beloMzantsi Afrika abakumazwe aphesheya ngexesha likaxakeka ngokuthi banxibelelane neentsapho kunye/okanye nabahlobo baseMzantsi Afrika endaweni yabo.
Isibonelelo malunga noncedo olungelolwezimali kusenzelwa ukubuyiselwa elizweni lokuzalwa? Kunye noqwalaselo lonyango okanye lwemisebenzi olufuneka ngokungxamisekileyo.
Uzakuzelwano namagosa asemthethweni engingqi ukukhangela nokufumana abemmi beloMzantsi Afrika abaphesheya, ngaphandle kwabemmi abafunwa ngabammangali kwiinkqubo zasemthethweni.
Uncedo kwiintsapho ngokuququzelela ukuthunyelwa kwemali kumalungu eentsapho axakanisekileyo.
Ukunikwa kweenkonzo zenkxaso kwaneengcebiso kwimiba yabantu abenziwe izibambiso okanye ukuxhwilwa.


Ubume besiganeko  nokhuseleko lwamagosa bunganempembelelo ekukwazini kwethu kuphendula.

Ukuvalelwa ngaphandle kokubekwa ityala:


Ukuqhagamshelana neentsapho zabantu ababanjiweyo okanye abaseluvalelweni bengabekwanga tyala phesheya ukuba oko kuceliwe ngulowo ubanjiweo okanye useluvalelweni.

Ukuququzelela ukuthunyelwa kwemali kumabanjwa aphesheya, ngeli xa kuqatshelwe imithetho nemiqathango yalo rhulumente ugunyazisa ukubanjwa kwanemithetho yoVimba weBhanki yeloMzantsi Afrika malunga nokuthunyelwa kweemali kwelaphesheya.

Ukuququzelela ukuthunyelwa kweeleta namayeza kubemmi beloMzantsi Afrika abaseluvalelweni phesheya. Oku kuxhomekeke kwizibonelelo nemirhumo ekhoyo yeSebe lemiCimbi yezangaPhandle kunye nokuthotyelwa kwemithetho nemiqathango yelizwe elibambileyo. Le mirhumo ingaphuculwa kumaxesha ngamaxesha.



Iinkonzo zezomthetho nokusayina okugunyazisiweyo:


Ukuququzelela ukuhanjiswa kwamaxwebu asemthethweni kubamangalelwa abaphesheya ngokwemigaqo yenkundla.

Ukuququzelela izicelo zokunikezelwa komntu kurhulumente wangaphandle, iileta ezicela uncedo lwenkundla kwilizwe langaphandle, ukukhutshwa kweesamani okanye iimpepha eziya kumntu okwilizwe langaphandle kwanobungqina kwikhomishini ngokwemigaqo yenkundla.

Ukuqhagamshela iileta nezitampu ezimisa ngokusemthethweni ziqinisekiso zogunyaziso kumaxwebhu kawonke-wonke asemthethweni.

Ukunika uncedo olungelolwemali kumaxhoba olwaphulo-mthetho.

Ukunika ingcebiso, isikhokelo nenkxaso kumzaliokanye umntu okhulisa umntwana ongengowakhe, ngokusebenzisana neOfisi yeGqwetha leNkundla loSapho kwiimeko zokubiwa kwabantwana baseMzantsi Afrika bathunyelwe kumazwe angaphandle. Apho kukho ubungqina bokuba impilo nokhuseleko lomtwana lusemngciphekweni, lo mba uthathwa njengongxamisekileyo.

Ukunikisa ngoluhlu lwamagqwetha engingqi.



Ezinye iinkonzo:


Ukunceda ukubuyisa iincwadi zokundwendwela ezilahlekileyo, ezibiweyo, ezonakeleyo okanye eziphelelwe lixesha kumazwe angaphandle .

Ukubonelela ngemali-mboleko eqingqiweyo nengxamisekileyo .

Ukwazisa izizalwane xa kuthe kwakho ukusweleka, ingulo okanye ukwenzakala okuxhalabisayo kwabemmi beloMzantsi Afrika. Kuya kunikwa uncedo olungelolwamali kwanengcebiso malunga nemizimba yabeloMzantsi Afrika abaswelekele kumazwe aphesheya.

Ukucela abasemagunyeni bengingqi ukuba baphande ngokufa okukrokrisayo kwanolwaphulo-mthetho olwenziwa kubantu beloMzantsi Afrika.

Ukunika isikhokelo nengcebiso malunga nokuthatha ukhulise abantwana njengabakho ngokusebenzisa iSebe loPhuhliso lwezeNtlalo-ntle.

Ukunika uncedo nesikhokelo kubammeli bamazwe angaphandle malunga nabemmi bamazwe abo abaseMzantsi Afrika.

Ukuqwalasela izicelo zolwazi okanye iinzame zokugqithisela lowo ufuna ingcaciso kumntu onolwazi olufanelekileyo.



Zeziphi iinkonzo ezinganikwayo ngamagosa abangabaMmeli-lizwe?

ukuqinisekisa ukukhululwa entolongweni
ukungenelela kwiinkqubo zeenkundla kumazwe angaphandle
ukunika iingcebiso zasemthethweni
ukungenelela okanye ukusungula iinkqubo zenkundla
ukucela abasemagunyeni bengingqi ukuba banike impatho ekhethekileyo kwabaseMzantsi Afrika
ukuphanda ngolwaphulo-mthetho okanye ukufa
ukufumana ingxelo yolwaphulo-mthetho endaweni yakho
intlawulo yokutshiswa kwababhuhileyo, imingcwabo okanye ukubuyiselwa kwemizimba eMzantsi Afrika.
ukuthatha umntwana obiweyo
ukunyanzelisa isivumelwano saseMzantsi Afrka sokuthathela kuwe ukhulise umntwana phesheya okanye ukunyanzelisa ilizwe ukuba lithathe isigqibo ngomba wokuthathela kuwe umntwana
intlawulo yehotele, yezomthetho, yezonyango okanye yamanye amatyala
intlawulo yenkcitho yohambo
ukuqwalasela umsebenzi owenziwe ziiarhente zohambo, zeenqwelo-moya, zeebhanki, njalo-njalo
ukufumana indawo yokuhlala, umsebenzi okanye imvume yokufumana umsebenzi egameni lakho
ukugcina izinto ezizezakho okanye ukukhangela izinto ezilahlekileyo
ukwamkela imbalelwano eyiyeyakho
ukunika umhlala-phantsi nezibonelelo zokhuseleko lwezentlalo
ukunceda ngokwasemthethweni abemmi abanobuzwe ngambini kwilizwe lobuzwe babo besibini.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Qhagamshelana noMmeli woMzanti Afrika okufuphi nawe okanye iCandelo lomLawuli oyiNtloko: Iinkonzo zabaMmeli-lizwe kwiSebe lemiCimbi yezangaPhandle ePitoli. Ifomu esemthethweni ingacelwa, kuxhomekeke kuhlobo lwenkonzo olufunwayo. Ukuba kukho amathandabuzo, funa ingcaciso ngokuthi utsale umnxeba kuqala.

Iinkonzo zabaMmeli-lizwe zisebenza iiyure ezingama-24 ngemini, iintsuku ezisixhenxe ngeveki. Ngeempela-veki nasemva kwexesha lomsebenzi, uncedo lufumaneka ngokusebenzisana neGumbi lemiSebenzi leSebe ePitoli.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Vienna Convention on Consular Relations  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

