﻿Imvume kunye nokurhoxiswa kwemvume yomzali okanye yomlondolozi, yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni



Inkcazelo

Imvume ekuthiwa yi-consent yimvume ebhaliweyo enikwa abazali abayakubangabazali abamkele umntwana wabangowabo ngokusemthethweni. Imvume inganikwa ngabazali, ngumlondolozi okanye ngumntwana. Umntwana anganika mvume yokuba amkelwe abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethwnei ukubangaba uneminyaka yobudala elishumi okanye nangaphezulu. Ngaphandle kokubekela ecaleni imimiselo yawo nawuphina omnye umthetho, umzali onike imvume yokuba umntwana wakhe amkelwe abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, unelungelo lokuyirhoxisa loo mvume kwisithuba sexesha elifikelela kwiintsuku ezingama 60 emva kokuba imvume inikiwe. Inkundla yabantwana ayinakukhupha umyalelo phambi kokuba ithuba leentsuku ezingama 60 liphele.

Iimeko apho imvume yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni ingafuneki khona

Abazali bomntwana babhubhile kwaye akukho mlondolozi utyunjiweyo ukuze alondoloze umntwana.
Umzali


akakwazi ukunika imvume ngenxa yengulo yengqondo;
umbalekile umntwana kwaye akaziwa apho akhoyo;
uhlasele umntwana ngokomzimba, ngokwasengqondweni okanye ngokwesonto, uphethe umntwana kakubi okanye umxhaphazile, okanye uvumele ukuba ahlaselwe, aphathwe kakubi okanye axhatshazwe;
ubangele okanye uncedisile ekuhendweni, ekuthwalweni okanye ekusetyenzisweni kakubi komntwana ngokwesonto, okanye ubangele, okanye uncedise umntwana ekubeni enze izinto ezimdaka;
ubamba imvume yakhe ngokungenangqiqo;
womntwana ozelwe ngaphandle kobume bomtshato akaphumelelanga ukuvuma ukuba ungutata womntwana, okanye, kungekho sizathu sivakalayo, zange azalisekise uxanduva lwakhe lobuzali malunga nalo mntwana;
ungutata womntwana owazalwa ngaphandle kobume bomtshato kwaye owaveliswa kubudlelwane bobulo nomama womntwana;
ungutata womntwana owazalelwa ngaphandle kobume bomtshato, kwaye yena 

wafunyaniswa enetyala lesenzo sokudlwengula okanye sokuhlasela umama womntwana; okanye
emva kokuqondisisa kwenkundla yabantwana ekulandeleni isityholo sikamama womntwana, ufunyaniswe  ukuba wamdlwengula umama womntwana: Kodwa ke kuyakufuneka ukuba eso sigqibo singabi kukufunyaniswa kwetyala lesenzo sobugebenga bokudlwengula okanye bokuhlasela; okanye owomntwana owazalelwa ngaphandle kobume bomtshato akaphumelelanga ukusabela, kwisithuba seentsuku ezili 14, kwisaziso asikhutshelweyo njengoko kujongiwe apha ngezantsi.



Isaziso sokuvuma ukwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni

Ukubangaba ngumzali omnye kuphela onike imvume, kwaye omnye lo umzali akafumaneki ukuze anike imvume okanye akukho mfuneko yokuba anike imvume, umkomishinari uyakungqina ubukho baloo mvume kwaye anike isaziso komnye lo umzali kwisithuba seentsuku ezili 14. Esi saziso sichazela umzali ukuba imvume inikiwe kwaye simnika ithuba lokuba

naye anike imvume okanye ayibambe eyakhe imvume; okanye
anike izizathu zokuba kutheni kufanele kufunyanwe imvume yakhe kwaye ingakhatyelwa ecaleni; okanye
enze isicelo sokwamkela umntwana abengowakhe ngokusemthethweni ukubangaba ungutata wendalo kwaye umntwana wazalelwa ngaphandle kobume bomtshato.

Ukubangaba umama womntwana owazalelwa ngaphandle kobume bomtshato uluvumile ulungiso lweenkcukacha zokubhaliswa kokuzalwa komntwana wakhe, utata womntwana uyakwaziswa. Kuyakufuneka ke enze izilungiso eziyimfuneko kwisithuba seentsuku ezili 14 zokufunyanwa kwesaziso.
Ukubangaba umama womntwana zange azivume izilungiso zeenkcukacha zobhaliso lokuzalwa komntwana wakhe, umntu ofuna ukuzivuma ukuba ungutata womntwana kufuneka enze isicelo kwinkundla yabantwana ebandakanyekayo ukuze afumane umyalelo obhengezayo ongqina ukuba ungutata womntwana kwaye imfuneko yemvume kamama womntwana ayidingeki.
Isaziso esisuka kutata wendalo womntwana owazalwa ngaphandle kobume bomtshato sifuneka kuphela xangaba

utata uvumile, ngencwadi ebhaliweyo ukuba ungutata womntwana; kwaye ukubangaba uzifakile iinkcukacha zakhe kubhaliso lokuzalwa komntwana kwaye uyaqinisekisa ukuba iinkcukacha zichanekile ngamaxesha onke; okanye
umama womntwana, ngexesha lokunika imvume yakhe,
ungqinile, ngencwadi ebhaliweyo ukuba utata womntwana uvumile ukuba ungutata womntwana; kwaye
uzichazile ukuba ungubani na yaye uphi na; okanye
unontlalontle uhambisa ingxelo engqina ukuba ngubani na utata womntwana kwaye uphina, kumkomishinari ongqine ubukho  bemvume kamama womntwana, okanye kwinkundla yabantwana apho kwenziwe khona isicelo sokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni. Le ngxelo kufuneka ihanjiswe kwisithuba seentsuku ezingama 60 emva kokuba umama womntwana enike imvume yakhe, okanye nangasiphina isigaba phambi kokuba inkundla yabantwana ikhuphe umyalelo wokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni.

Umzali onike imvume kwaye ofuna ukucima imvume yomnye umzali kufuneka axelele umkomishinari kwakube kungqinwe ubukho  bemvume yakhe.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.

Inkqubo emayilandelwe
Ukunika imvume
Ukubangaba ungumzali okanye umlondolozi womntwana, gcwalisa iFom 12, ethi, Imvume yomzali okanye yomlondolozi yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni ; kwaye ukubangaba ungumntwana, gcwalisa iFom 13, ethi, Imvume yomntwana yokuba amkelwe abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni .
Imvume kufuneka inikwe ngencwadi ebhaliweyo. Ukubangaba inikwe eMzantsi Afrika, umntu okanye abantu abanika imvume kufuneka bayisayine phambi komkomishinari wentlalontle yomntwana, oyakuthi ke angqine ubukho bale mvume.
Imvume enikwe ngaphandle kwaseMzantsi Afrika kufuneka isayinwe phambi kwegosa kwaye ingqinwe ubukho bayo ligosa, elisebenza kwiziko laseMzantsi Afrika lozakuzo okanye lobumeli-lizwe, okanye yijaji, umantyi, usobulungisa woxolo okanye igosa loluntu lelizwe elibandakanyekayo.
Nangona nje imvume kufanele iqulathe amagama wabazali abapoposhelwa ukuba babengabazali abamkele umntwana wabangowabo ngokusemthethweni, inkundla yabantwana ingayamkela imvume yabazali bomntwana okanye yomlondolozi engaqulathanga amagama okanye naziphina iinkcukacha zabazali abapoposhelwa ukubangabazali abamkele umntwana wabangowabo ngokusemthethweni ukubangaba yanelisekile ukuba ngalooo ndlela kuyakuziswa olona ncedo lungcono emntwaneni.
Ukurhoxisa imvume
Imvume kufuneka irhoxiswe ngencwadi ebhaliweyo. Ukubangaba ungumzali okanye umlondolozi womntwana, gcwalisa iFom 12A, ethi, Ukurhoxiswa kwemvume yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, ngumzali okanye umlondolozi womntwana  phambi kwakhe nawuphina umkomishinari, naninina kwisithuba seentsuku ezingama 60 emva kokunika loo mvume.
Ukubangaba ungumntwana, gcwalisa iFom 13A phambi kwakhe nawuphina umkomishinari phambi kokuba inkundla yabantwana ikhuphe umyalelo wokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni.
Xa ngaba imvume ingarhoxiselwa kwisithili esingesiso eso kwakunikelwe kuso imvume okanye kweso kuyakubanjelwa kuso indibano yokumamela izimvo ngesicelo sokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, umkomishinari, kwangoko

uyakwazisa inkundla ebandakanyekayo kunye nonontlalontle obandakanyekayo okanye onesiqinisekiso sokuvunywa njengonontlalontle ukubangaba kuyaziwa ukuba iyakubanjelwa phina indibano yokumamela izimvo ngesicelo sokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni; okanye
uyakwazisa umkomishinari ongqine ubukho bemvume ukubangaba akwaziwa ukuba iyakubanjelwa kweyiphina inkundla indibano yokumamela izimvo ngesicelo sokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni.


Kwangoko, umkomishinari uyakuchaza inkundla ekuyakubanjelwa kuyo indibano yokumamela izimvo ngesicelo sokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, kwaye azise inkundla kunye nonontlalontle obandakanyekayo okanye onesiqinisekiso sokuvunywa njengonontlalontle malunga noko kurhoxiswa.

Imithetho esetyenziswayo

Child Care Act, 1983  UMthetho woNakekelo loMntwana

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ixesha elithatyathwayo lokuqhubekiswa kwesicelo sokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, lixhomekeke kubunzima benyewe.
Phambi kokuba umkomishinari angqine ubukho bemvume, kufuneka axelele umntu onika imvume

ongeziphumo zasemthethweni zokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni;
oukuba, kwimeko yemvume yomzali, lo mzali ubandakanyekayo angayirhoxisa imvume ngencwadi ebhaliweyo kwiFom 12A, phambi kwakhe nawuphina umkomishinari, naninina kwisithuba seentsuku ezingama 60 emva kokuba enike loo mvume;
oukuba, kwimeko yemvume yomntwana, lo mntwana ubandakanyekayo angayirhoxisa imvume ngencwadi ebhaliweyo kwiFom 13A, phambi kwakhe nawuphina umkomishinari naninina phambi kokuba inkundla yabantwana ikhuphe umyalelo wokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni; kwaye
oukuba, lo mntu ubandakanyekayo  angabikho xa kuqwalaselwa isicelo sokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, ngaphandle kokuba inkundla, ngokubona kwayo, imnika imvume yokubakhona, ngokubona kwayo, kuba inembono yokuba ubukho bakhe buyakuba lolona ncedo lungcono emntwaneni.


Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iifom ezigcwaliswayo

IFom 12: Imvume yomzali okanye yomlondolozi yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni Form 12: Consent by parent or guardian to tie adoption of a child
IFom 12A: Ukurhoxiswa kwemvume yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, ngumzali okanye ngumlondolozi womntwana Form 12A: Withdrawal of consent to adoption by parent or guardian of child
IFom 12B: Ukwamkelwa komntwana ohlanguliweyo abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni Form 12B: Adoption of foster child
IFom 13: Imvume yomntwana yokuba amkelwe abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni Form 13: Consent by child to adoption
IFom 13A: Ukurhoxiswa kwemvume yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni ayifumaneki kwi-online, kodwa ingafunyanwa kwiNkundla kaMantyi Form 13A: Withdrawal of consent to adoption by child is not available online, but can be obtained from the Magistrate's Court.

Iinkcukacha zonxulumano

Uluhlu lweenkundla zikamantyi


