
Isicelo sokwazisa ngotshintsho lweenkcukacha zesithuthi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Olu ncedo lulungiselelwe abanini moto,abanemoto inkcukacha zazo ezitshintshileyo. Olu tshintsho luquka injini yemoto,okanye inani elichaza imoto .Kunyanzelekile wazise iCandelo lezoThutho xa kwenziwe olutshintsho.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yiya e ofisini lamagosa endlela ekufutshane
Yiza nala maxwebhu alandelayo:

Isatifiketi okanye ingxelo efungelweyo yaMapolisa aseMzantsi Afrika eqinisekisa ukubasemthethweni kwemoto.
Isatifiketi sokubhaliswa kwemoto.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqulunqwa kwangolosuku lesicelo.

Entla

Iindleko

Olu ncedo lunikwa ngaphandle kokubhatala.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Iziko lokuqhuba liyakufaka iinkcukacha ezintsha zesithuthi kwiNkqubo yeLizwe yeNkcazelo ngeZithuthi zeNdlela ekuthiwa yi-National Traffic Information System . Akukho zifom zesicelo kule nkonzo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


