﻿

Isicelo sokubhalisa inkampani enobutyebi bezinto kunye neemali zezabelo



Inkcazelo

Njengoko inkqubo yokubhalisa inkampani enobutyebi bezinto kunye neemali zezabelo inzima, kwenziwa isiphakamiso sokuba abenzi-zicelo basebenzise iinkonzo zamagqwetha.

UMqulu oBhaliweyo kunye neMimiselo yenkampani kufuneka ziqulunqwe kwaye zilungelelaniselwe ukufanelana nenkampani enobutyebi bezinto kunye neemali zezabelo kwaye ziqinisekiswe ligosa loluntu elinegunya lasemthethweni lokungqina imiqulu neengxelo ezifungelweyo, kwaye elingumnntu oqeqeshiweyo ngokwasemthethweni. Inkampani yoluntu ingasebenzisa uLuhlu A kwifom yesicelo ngokupheleleyo okanye iyilungelelanise neemeko zayo, xa ngaba nje ihambisana nomThetho weeNkampani . Inkampani yabucala ingasebenzisa uLuhlu B kwifom yesicelo ngokupheleleyo okanye iyilungelelanise neemeko zayo, xa ngaba nje ihambisana nomThetho weeNkampani.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya Companies and Intellectual Property Registration Office. 

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana neCompanies and Intellectual Property Registration Office.
Zalisa ezi fom zesicelo zilandelayo:

Yenza isicelo sokubeka igama ngokuhambisa i-CM5 – Isicelo sokubeka igama. Le fom iyafumaneka kwiSebe lezoRhwebo naMashishini.
Zalisa i-CM29 – Imiba equlathwe yirejista equlathe iinkcukacha zabalawuli kunye namagosa. Le fom iyafumaneka kwiSebe lezoRhwebo naMashishini.
Umlalwuli ngamnye wenkampani kufuneka azalise ifom ye-CM47. Le fom iyafumaneka kwiSebe lezoRhwebo naMashishini.
Zalisa ifom ekuthiwa yi-CM31 ukuze unike imvume yomntu ozakubamba isikhundla somphicothi weencwadi zemali. Le fom iyafumaneka kwiSebe lezoRhwebo naMashishini.
Zalisa ifom ekuthiwa yi-CM44 – Imimiselo yeQumrhu lenkampani elinobutyebi bezinto kunye neemali zezabelo ezinoluhlu lomgaqo osisihlomelo 1, okanye ifom ekuthiwa yi-CM44A – Imimiselo yeQumrhu lenkampani elinobutyebi bezinto kunye neemali zezabelo ezingenaluhlu lomgaqo osisihlomelo 1. Bonke abalawuli kufuneka bazalise ifom ekuthiwa yi-CM44C – Abantu abasayine iMimiselo
Nika igqwetha incwadi egunyazisiweyo yamandla egqwetha, echaza ukuba ulinika igunya lokuba likumele.
Iinkampani ezibhalisa ngemali eyinkunzi  kukwafuneka zikhuphe le miqulu ilandelayo:
CM1: Isatifiketi sokuseka inkampani ngokwasemthethweni

Lo ngumqulu osayinwa kwaye ugximfizwe isitampu nguMphathi woBhaliso lweeNkampani xa sele yonke imiqulu ehamba nesicelo  ijongiwe kwaze kwagqitywa ngayo.
I-CM2: UMqulu oBhaliweyo wequmrhu kudityaniswe – i-CM2A – i-CM2B – i-CM2C ukubangaba abantu abanezabelo bangaphezulu kwe 1 okanye 2D ukubangaba mnye umntu onezabelo

Imithetho esetyenziswayo

Companies Act, 1973  UmThetho weeNkampani
Business Names Act, 1960  UmThetho waMagama waMashishini
Share Blocks Control Act, 1980  UmThetho woLawulo lweZabelo

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezintlanu ukuze kubhaliswe inkampani enobutyebi bezinto kunye neemali zezabelo.

Iindleko

Intlawulo ngama- R350 edibene ne- R5 kwi 1000 nganye yeemali ezigunyazisiweyo xa kuqwalaselwa ixabiso lesabelo ngasinye, okanye i-R5 kwi- 1000 nganye xa kungaqwalaselwa xabiso lezabelo.

Iifom ezigcwaliswayo

Certificate of incorporation CM1 Isatifiketi sokuseka inkampani ngokwasemthethweni
Memorandum of associatio CM2 UMqulu oBhaliweyo wequmrhu
Notice of registered office and postal address of compan CM22 Isaziso se-ofisi ebhalisiweyo kunye ne-adresi yokuposa yenkampani
Contents of register of directors, auditors and officers CM29 
Notice of consent to appointment, change of name by auditor or removal of auditor CM31 
Articles of association of a company having a share capital adopting schedule CM44A 
Signatories to article of association CM44C 
Certificate to commence business CM46 
Statement by directors regarding adequacy of capital of compan CM47 
Application for reservation of name CM5 

Iinkcukacha zonxulumano 


