

Isicelo selayisensi yenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi: ixesha leminyaka emine

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

ILayisensi yoSasazo lwaBahlali  ifezekisa iimfuno zosasazo zabahlali kwithuba lexesha eliphelela kwiminyaka emine. Iyavuseleleka, kodwa kufuneka wenze isicelo sokuvuselela ilayisensi kungelothuba elingaphantsi kweenyanga ezintandathu, kwaye zingadlulanga iinyanga ezintathu phambi komhla wokuphelelwa kwale unayo ilayisensi. Ivuseleleka kuphela xangaba umntu onelayisensi uhambisene nemiqathango exelwe ngugunyaziwe weelayisensi. Ilayisensi inikwa abahlali abaziseka njengenkampani yeCandelo 21, iQumrhu leNtembeko, iqumrhu lombutho wokuzithandela okanye nawuphina umbutho ovunyiweyo ngokwasemthethweni ongajonganga kwenza nzuzo. Iinjongo zeLayisensi yoSasazo lwaBahlali yeminyaka emine kukufezekisa ezi zinto zilandelayo:

ukuphakamisa ilungelo lokunxibelelana nenkululeko yokuvakalisa izimvo
ivumela ukunaba nokwanda kweshishini losasazo
ukubandakanya abahlali ngokuneentshukumo, njengabavelisi, oomanejala kunye nabaphulaphuli nababukeli kwinkqubo yonxibelelano
ukubalilizwi labahlali
inika ubunkqubo obubonisa iminqweno neemfuno ezizodwa zabahlali, ezibandakanya iimfuno zenkcubeko, zolwimi, zenkonzo yobutyalike kunye neemfuno ngokweenkcukacha ezithile zabantu abahlala kuloo ndawo.

ILayisensi yoSasazo lwaBahlali yeminyaka emine inganikwa kula macandelo alandelayo:

Inkonzo yosasazo lwezandi
Inkonzo yosasazo lwethelevijini.

Le layisensi isebenziseka iminyaka emine.

ISebe lezoNxibelelwano lixhasa abantu abaneelayisensi zeminyaka emine ngobuxhakaxhaka bokusasaza nobokuvelisa, xangaba bayazifezekisa izinto eziyimfuneko kwiSebe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

I-ICASA iyakukhupha isimemo sezicelo zenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi kwaye inike amazinga okushukuma kwamaza  kwimimandla eyahlukeneyo. Njengomenzi-sicelo welayisensi, kufanele wenze ezi zinto zilandelayo:

Useke itim yabantu abasebenza ngesicelo ukuze le tim ithabathe uxanduva lwenkqubo yesicelo kwaye ibengumenzi-sicelo egameni labahlali.
Uqinisekise ukuba le tim yenza ezi zinto zilandelayo:

iqokelela iisignitsha kubahlali
ibhala isicwangciso seshishini
iphembelela ukonyulwa kwamalungu eBhodi ngenkqubo yedemokhrasi
ibeka indawo eyakuba sisiza sokusasazela nokukhupha amaza omoya.

Ucele inkonzo yosasazo kunye nefom yesicelo sokuhambisa iintshukumiso zemitha yosasazo.
Gcwalisa ifom yesicelo ngoonobumba abangadityaniswanga, kwaye usebenzise oonobumba abakhulu.
Hambisa ifom yesicelo eluqobo lwayo kunye neekopi eziqinisekisiweyo ezili 16 kuGunyaziwe oZimeleyo woNxibelelwano waseMzantsi Afrika ekuthiwa yi-ICASA, ihambe nentlawulo yesicelo.

Izicelo ezingagcwaliswanga ngokupheleleyo ziyakuphindiselwa kumenzi-sicelo kwaye akuyi kwamkelwa xanduva lonyibelo okanye ukonakalelwa okwenzekileyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Electronic Communications Act, 2005  UMthetho woNxibelelwano ngeKhompyutha ka-2005.

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo singathabatha iinyanga ezi 3 ukuya kwezi 4.

Entla

Iindleko

R3 000 .
R250 yokukhutshwa kwelayisensi emva kokuba inikiwe.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ifom yesicelo iyakubayinxenye yoluhlu lweeNkqubo zeGazethi kaRhulumente.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


