

Isicelo seLayisensi yeNkonzo yoSasazo loRhwebo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

ILayisensi yeNkonzo yoSasazo loRhwebo  inikwa inkonzo yosasazo eqhutywa ngeenjongo zokwenza inzuzo okanye njengenxenye yeziko lenzuzo. INkonzo yoSasazo yaseMzantsi Afrika ekuthiwa yi-South African Broadcasting Services , yiyo kuphela engumsasazi woluntu, enelayisensi eMzantsi Afrika.

Nawuphi na umntu ojonge ukunika inkonzo yosasazo lorhwebo kufuneka abeneLayisensi yoRhwebo yoSasazo lweZandi .
Nawuphi na umntu ojonge ukunika inkonzo yosasazo lorhwebo kufuneka ahambisane noluhlu lweenkqubo njengoko kuchaziwe kwiSimemo seZicelo ekuthiwa yi-Invitation to Apply , seLayisensi yoRhwebo yoSasazo lweZandi, esipapashwa ngokusemthethweni kwiGazethi kaRhulumente. Olu luhlu lweenkqubo ludla ngokuba namacandelo amathandathu, angala alandelayo:

IiMeko neMiqathango ngokubanzi: inkqubo emayilandelwe
UBume beNkampani okanye beTim yaBantu abasebenza ngeSicelo: Ubume basemthethweni bomenzi-sicelo
UkuMiswa kweeNkqubo: INani eliQingqiweyo lemiba eQulathiweyo yeNdawo; Ulwimi; IiNkqubo ezikhutshwa eMoyeni
Izinga lokufunwa kwenkonzo ngabantu kunye nesidingo senkonzo epoposhwayo
Ubume bezemali
Iimfuneko zobuchwepheshe.


Ifom yesicelo kunye nemimandla yeendawo ezipoposhwayo ziyinxenye yeGazethi kaRhulumente ekhutshelwa isimemo esingqalileyo sezicelo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifom yesicelo ngoonobumba abangadityaniswanga, kwaye usebenzise oonobumba abakhulu.
Hambisa ifom yesicelo eluqobo lwayo kunye neekopi eziqinisekisiweyo ezili 16 kuGunyaziwe oZimeleyo woNxibelelwano waseMzantsi Afrika ekuthiwa yi-.
Izicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo ziya kuphindiselwa kumenzi-sicelo kwaye akuyi kwamkelwa xanduva lonyibelo okanye ukonakalelwa okwenzekileyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Electronic Communications Act, 2005  UMthetho woNxibelelwano ngeKhompyutha ka-2005
Broadcasting Act, 1999   

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukukhutshwa kwelayisensi kungathabatha iinyanga ezi- 6 ukuya kwezili- 12.

Entla

Iindleko

R 30 000 intlawulo yesicelo engabuyiswayo.
R 2 500 eyimfuneko ukuze kukhutshwe ilayisensi emva kokuba inikiwe.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ifom yesicelo iyakubayinxenye yoluhlu lweenkqubo zeGazethi kaRhulumente.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


