
Isicelo sokubhalisa iqumrhu elingavulelekanga 
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iqumrhu elingavulelekanga, ekuthiwa yi-close corporation  liqumrhu loshishino elinabanikazi abangamalungu aphakathi kwesinye nama- 10. Izabelo zeli qumrhu azinantengiso kuluntu. Nangona nje i-CC ifuneka ibenegosa elimele iinkonzo, akukho mfuneko yezitetimenti eziphicothiweyo.

Nangona nje uMthetho weeNkampani , umisela iintlanganiso ezisisinyanzelo kwiinkampani, ngakumbi malunga neentlanganiso zoluntu, akukho mfuneko malunga noku kwii-CC. Iintlanganiso zidla ngokubanjwa phakathi kwamalungu ngeloo xesha kukho imfuneko ethile.

Akukho mfuneko yokuba amalungu e-CC ewonke adlale indima enentshukumo ekuqhutyweni kweshishini. Kodwa ke, kuninzi lwee-CC, amalungu akwangoomanejala beshishini.
Amanqaku abalulekileyo aphathelelene nokuzaliswa kwefom, adweliswe kwiphepha elingemva loku- 1 lefom ekuthiwa yi-CK1.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Fumana ifom yesicelo, CK1.
Tayipa ngococeko ifom ekuthiwa yi-CK1 okanye uyizalise nge-inki emnyama, usebenzise oonobumba abangadityaniswanga.
Khupha iikopi eziqinisekisiweyo zeencwadi zezazisi zamalungu abandakanyekayo.
Beka igama leli qumrhu lingavulelekanga, CK7.
Fumana incwadi yemvume esuka kwiGosa eliMele iiNkonzo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Close Corporations Act, 1984 , Section 12 UmThetho waMaqumrhu angaVulelekanga, iCandelo 12

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha phakathi kosuku olunye ukuya kwiintsuku ezine ukuze kubhaliswe i-CC.

Entla

Iindleko

R100, yesitetimenti sokuseka.
R50, yokubeka igama.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Founding Statement, CK1 
Application for reservation of name or translated form or shortened form, CK (Beka igama leQumrhu elingaVulelekanga, CK7

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


