

Khangela ukuba likhona na igama lakho kuluhlu lwamagama wabavoti

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abavoti ababhalisileyo bangaqondisisa ukuba ingaba babhaliswe ngokuchanekileyo na kuluhlu lwamagama wabavoti. Ukubangaba igama lakho alikho kuluhlu lwamagama wabavoti, uyakucetyiswa ukuba utyelele i-ofisi ekwindawo ohlala kuyo yeKomishoni eZimeleyo yoNyulo, ekuthiwa yi-Independent Electoral Commission , ukuze uphinde ubhalise.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana ne-IEC ngexesha leeyure zokusebenza kwinombolo ethi 0800 11 8000  kwaye ubanike inombolo yakho yencwadi yesazisi .
Thumela umyalezo ngeselulafowuni  kwaye ufake inombolo yakho ye-ID, kwinombolo ethi 32810.
Kungenjalo, tyelela i-IEC website ukuze uqondisise kwi-online.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Electoral Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkcazelo iyakuqondisiswa ngoku ulindileyo.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Akukho zifom zigcwaliswayo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


