
Isicelo sokutshintsha amagama kuVimba weNkcazelo weBhunga laseMzantsi Afrika laMagama oBume boMhlaba
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Amagama obume bomhlaba  ngamagama eembonakalo zomhlaba ezizezendalo okanye ezenziwe ngabantu zaze zaqhelaniswa nendawo. Ezi mbonakalo zomhlaba zingabanabantu abahlala kuzo okanye zingabinabantu abahlala kuzo.

Amagama obume bomhlaba awela phantsi kolawulo loorhulumente beendawo zabahlali abandakanya izitalato, izakhiwo zoomasipala kunye namabala ezikwere, iipaki zeendawo zabahlali kunye neendawo zamangcwaba, kunye nezakhiwo ezinobunikazi babucala. Amagama obume bomhlaba awela phantsi komsebenzi worhulumente welizwe abandakanya iidolophu, imimandla yeedolophu ezinkulu, iindawo ekuhleli kuzo abantu, iiposi, izikhululo, izikhululo zeenqwelomoya, amazibuko eenqanawa kunye neendlela ezinkulu neziphakamileyo, ndawonye nezakheko zomhlaba zendalo ezifana neentaba, imisinga, imilambo, amagolonxa, iincam, iziqithi, iindawo ekugwantye kuzo amanzi emigxobhozo kunye neepaki zelizwe.

Ngubani ongenza isicelo sokuvunywa kwegama: Onke amasebe karhulumente, oorhulumente bamaphondo, oogunyaziwe beendawo zabahlali, iNkonzo yePosi yaseMzantsi Afrika, abaphuhlisi beepropati okanye naliphina iqumrhu okanye umntu.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Fumana iifom zesicelo kwiBhunga laseMzantsi Afrika laMagama oBume boMhlaba  okanye kwibhunga lephondo okulo lamagama obume bomhlaba.
Hambisa ifom ikunye nale nkcazelo ilandelayo:

ilwimi ekuvela kulo eli gama
imvelaphi kunye nentsingiselo yeli gama, ukubangaba uyayazi
imbonakalo yeli gama lipoposhwayo, umzekelo, iposi okanye isikhululo soololiwe
isithili esiphantsi kwegunya loomantyi kunye nephondo ekulo le ndawo
le mbonakalo ikude kangakanani kwidolophu ekufuphi okanye kummandla okufuphi wegunya loomantyi, kwaye imi ngakweliphi icala lale dolophu nalo mmandla wegunya loomantyi.



Faka imephu elingana ne-A4.
Biza igama lalo mntu wenze isiphakamiso segama elitsha.
Hambisa ifom yesicelo kuGunyaziwe weMveli okanye kuGunyaziwe weNdawo yaBahlali ukuze isayinwe okanye igximfizwe isitampu esigunyazisiweyo.
Hambisa ifom egcwalisiweyo kwiBhunga laseMzantsi Afrika laMagama oBume boMhlaba, elikwiSebe lezoBugcisa neNkcubeko .

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Geographical Names Council Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kukho ixesha lokulinda leenyanga ezintathu nangaphezulu.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application form for a new official place name 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

