

Isicelo sesiqinisekiso sokuhambisa isiselo esinxilisayo esingeniswe elizweni

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umngenisi elizweni uswela isiqinisekiso sokuhambisa iimveliso zeziselo ezinxilisayo ezisezibhotileni ukusuka ezibukweni lokungena ukuza kuthengiswa apha eMzantsi Afrika. Umngenisi wezinto elizweni uswela isiqinisekiso ngokubhekiselele kumnthwalo ngamnye.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khulula umthwalo wesiselo esinxilisayo ezibukweni lokungena xeshikweni umhloli weSebe lezoLimo ekhangele.
Nika umhloli isicelo sesiqinisekiso sokuhambisa.
Zalisa ifomu yesicelo ehlukileyo malunga nemveliso nganye ehlukileyo ngokweziqulatho, isakhiwo, ileyibhile, igama loshishino okanye ubukhulu bebhotile kwiimveliso ezinye zeziselo ezinxilisayo ezisemthwalweni.
Isicelo kufuneka sikhatshwe zizinto ezilandelayo:

isampuli yeemililitha ezingama-750 eya kukhutshwa ngumhloli emthwalweni.
iziqinisekiso zentsusa, zobudala beminyaka, isakhiwo nohlobo ezikhutshwe ngumbutho osemthethweni welizwe lentsusa.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Liquor Products Act, 1989  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Alikho ixesha elibekiweyo malunga nale nkonzo.

Entla

Iindleko

R64 ne-R3,20 ngehektolitha nganye okanye inxalenye yayo.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for a certificate of removal 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


