
Isicelo sesatifiketi soqinisekiso lokuvuma nokwamkela i-arhente yabucala enika iinkonzo zokusombulula iimpikiswano    





Inkcazelo

I-arhente yabucala yi-arhente ebhalisiweyo enika iinkonzo zokusombulula iimpikiswano.



Naliphi na ibhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo okanye i-arhente yabucala lingenza isicelo kwiqumrhu elilawulayo sokunikwa uqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa  ukuze :

Lisombulule iimpikiswano ngoxolelwaniso; kwaye
Limisele izigqibo kwiimpikiswano ezingekasonjululwa emva koxolelwaniso.



Iqumrhu elilawulayo lingadinga inkcazelo eyongezelelweyo yokuxhasa isicelo, kwaye, ngokwaloo njongo, lingafuna ukuba umenzi-sicelo aye kwintlanganiso okanye kwiintlanganiso ezithile zequmrhu elilawulayo.




Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya  kwiSebe leZabasebenzi..

Inkqubo emayilandelwe



Yenza isicelo kwiqumrhu elilawulayo leKomishoni yoXolelwaniso, uLamlo kunye noMiselo-sigqibo, ekuthiwa yi-Commission for Conciliation, Mediation and Arbitration  ukuze ufumane uqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa .
Faka ikopi yomiselo lomgaqo wokuziphatha we-arhente kunye nengcaciso engqina imfuneko yokunikwa uqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa, kwifom yesicelo.
Thumela ifom yesicelo kwiqumrhu elilawulayo le-CCMA.



Umthetho osetyenziswayo



Labour Relations Act, 1995  Section 127 



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha liqingqiweyo.



Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa



Iifom ezizaliswayo
Certificate of accreditation of private agency, form LRA7.2 

Iinkcukacha zonxulumano    

