
Isicelo sesatifiketi sokwamkeleka kokuphathwa nokuthuthwa kobisi    



Inkcazelo

Iishedi ekusengelwa kuzo ziindawo ezisetyenziselwa ukukhutshwa nokuphathwa kobisi ngokucocekileyo nangokunempilo. Isicelo sesatifiketi sokwamkeleka kweshedi yokusengela kufuneka sifakwe ngencwadi ebhaliweyo. Esi sicelo kufuneka sibandakanye inkcazelo exelwe apha ngezantsi.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezeMpilo

Inkqubo emayilandelwe

Thumela isicelo esibhaliweyo kugunyaziwe wendawo kummandla apho ikhoyo okanye izakwakhiwa khona ishedi yokusengela.
Nika le nkcazelo ilandelayo:
Igama lakho , idilesi kunye nenombolo yomnxeba
Inkcazo yegama lendawo
Inani lesitafu esiqashiweyo, okanye esingahle mhlawumbi siqashwe
Inqanaba lenani eziyakufikelela kulo izilwanyana ezizakusengwa
Isicwangciso sesiza ekuboniswe kuso umntla, ndawonye nazo zonke izakhiwo ezisecaleni nezikumda wale ndawo, kunye nento ezisetyenziselwa yona.
Umzobo obonisa uyilo lwale ndawo ngokweqondo lokulinganisa le 1:100 kuwo wonke amaziko eshedi yokusengela, abandakanya isicwangciso somgangatho, imbonakaliso ngokwamacandelo kunye nokunyuka okuthe nkqo.

Zilungiselele ukunika nayiphi na inkcazelo engacelwa ngugunyaziwe wendawo.
Umhloli ophuma kugunyaziwe wendawo uhlola le ndawo ineshedi ngokupheleleyo. Umhloli uthumela ingxelo kunye nesiphakamiso kugunyaziwe wendawo.
Kukhutshwa isatifiketi sokwamkeleka ukubangaba ingxelo yomhloli ithetha kakuhle ngale shedi.

Umthetho osetyenziswayo

National Health Act, 2003  
Regulations Relating to Milking sheds and the Transport of Milk  IMigqaliselo ePhathelelene neeshedi zokuSengela kunye nokuThuthwa koBisi 



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kwahluka ngokweengingqi.

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iifom ezizaliswayo

Isicelo sesatifiketi sokwamkeleka kweshedi yokusengela. Elifom lifumaneka kugunyaziwe wendawo okanye kwiSebe lezeMpilo.

Inkcukacha zonxulumano



