﻿
Ukucela i-CCMA ifumane isivumelwano malunga nemigaqo yokupiketha ngexesha logwayimbo okanye lokuvalelwa kwabasebenzi ngaphandle    



Inkcazelo 

UMthetho woBudlelwane beZabasebenzi, wango 1995, ekuthiwa yi-Labour Relations Act, 1995, uyalivuma ilungelo lokupiketha. Umbutho wabasebenzi  ovunyiweyo ungagunyazisa ipikethi yamalungu ayo nabaxhasi bayo ngeenjongo zoqhankqalazo olunoxolo.

Ipikethi ingabanjelwa nakweyiphina indawo apho uluntu lunako ukufikelela khona, kodwa ngaphandle kwendawo yomqashi, okanye, ngemvume yomqashi, ngaphakathi kwindawo yomqashi.

Iyuniyoni ebhalisiweyo okanye umqashi angacela iKomishoni yoXolelwaniso, uLamlo kunye noMiselo-Sigqibo, ekuthiwa yi-Commission for Conciliation, Mediation and Arbitration  izame ukufumana isivumelwano phakathi kwemihlambi ephikisanayo, malunga nemigaqo ekufanele ilandelwe kuyo nayiphina ipikethi ngokuphathelelene nogwayimbo okanye ukuvalelwa kwabasebenzi ngaphandle. Ukubangaba akukho sivumelwano kufikelelwa kuso, i-CCMA kufuneka iyiqulungqe le migaqo yokupiketha, ithathele ingqalelo iimeko ezingqalileyo zendawo yomsebenzi okanye ezinye iindawo zokupiketha, kunye nawuphina ummiselo womgaqo wenkqubo efanelekileyo.

Imigaqo ingavumela abasebenzi bapikethe kwindawo yomqashi ukubangaba i-CCMA ikholelwa ukuba umqashi akenzanganto yengqiqo ngokwala ipikethi ngaphakathi kwindawo yakhe.







Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi

Inkqubo emayilandelwe

Iyuniyoni ebhalisiweyo okanye umqashi angagcwalisa ifom ekuthiwa yi-LRA 4.1 yokucela i-CCMA ifumane isivumelwano malunga nemigaqo yokupiketha ngexesha logwayimbo okanye lokuvalelwa kwabasebenzi ngaphandle.

Nika lo uphikisana naye ikopi yale fom.

Nika ubungqina bokuba ikopi yale fom isiwe kulo uphikisana naye ngokufaka ezi zinto zilandelayo kwisicelo:

Ikopi yesiliphu serejista esiphuma ePosini;
Ikopi yerisiti esayiniweyo ukubangaba ikopi isiwe ngesandla;
Ingxelo esayiniweyo yalo mntu uhambise ikopi yefom, engqina ukusiwa kwefom; okanye
Ikopi yesiliphu esingqinayo sefeksi okanye nabuphina obunye ubungqina obanelisayo benkonzo.

Thumela ifom egcwalisiweyo kuMphathi woBhaliso kwi-Ofisi yePhondo ye-CCMA.

Ukubangaba alilinyanga iqela elibandakanyeka kwimpikiswano okanye ukubangaba impikiswano ijoliswe kumaqela angaphezulu kwesinye, wabhale le magama nezi nkcukacha zizezinye kwiphepha elisecaleni kwaye ufake ezi nkcukacha kwifom.




Umthetho osetyenziswayo 

Labour Relations Act, 1995 , Section 69 



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo 

Oku kuyakuxhomekeka ekubeni kuthabatha ixesha elingakanani na ukusombulula izikhalazo.

Iifom ezigcwaliswayo



, Form LRA 4.1 

Iinkcukacha zonxulumano



