

Isicelo sokucima ubhaliso lwe-VAT

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ubhaliso lokuhlawula irhafu ekuthiwa yi-value-added tax  kwiNkonzo yeNgeniso-mali yaseMzantsi Afrika ebizwa ngokuba yi-South African Revenue Service , lungacinywa phantsi kwezi meko zilandelayo:

xa ixabiso lesitokhwe sempahla ezihlawulelwa irhafu lihlile laya kutsho ngaphantsi kwesiqingqo se R300 000 ngonyaka
xa uyeka ukuwaqhuba wonke amashishini kwaye ungasayikuqhuba naliphina ishishini kwisithuba seenyanga ezili 12 emva komhla
xa wenze isicelo sobhaliso ngenxa yokulindela ukuqalisa ishishini elitsha, uze ke ube

Nokubangaba awusabhaliselwanga ukuhlawula i-VAT, usafanelekile ukuba uthwaliswe naluphina uxanduva olufumaneke phantsi koMthetho we-Value-Added Tax, wango 1991, ngela xesha wawusabhalisiwe.

Kufuneka wazise i-SARS kwisithuba seentsuku ezingama 21 emva kokuvala onke amashishini.

I-SARS ayisoze ilucime ubhaliso lomniki-nkonzo ukubangaba kukho izizathu eziqiqileyo zokukholelwa ukuba lo mntu uyakuqala ishishini kulo naliphina ixesha kwisithuba seenyanga ezili 12 ukusukela kumhla woko kuyeka.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifom yesicelo kwi-website uze uyigcwalise, okanye hamba uyokwenza isicelo kwi-ofisi ye-SARS apho ubhaliswe khona.
Thumela isicelo kwi-ofisi ye-SARS obhaliswe kuyo.
I-SARS iyakunika isaziso esibhaliweyo kumntu obandakanyekayo malunga nokucinywa kobhaliso okanye ukwaliwa kokucinywa kobhaliso.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Value-Added Tax Act, 1991  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha elisisigxina.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for cancellation of registration of a person in respect of all his enterprises, VAT 123 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


