
Yenza amalungiselelo okuhlawula irhafu ekufanele uyihlawule kwi-SARS
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iirhafu ezihlawulekayo zidla ngokungena ngomhla ochazwe kwisaziso sovavanyo okanye kuso nasiphina esinye isaziso sokuhlawula esikhutshwe yi-South African Revenue Service . Ukubangaba le mali ayihlawulwanga ngaloo mhla uchaziweyo, uyakubanoxanduva lokuhlawula inzala kunye nezohlwayo.

Xa uthe awukwazi ukuhlawula le mali ifunekayo ngalo mhla wokuhlawula uchaziweyo, ungacela ukwenza amalungiselelo okubeka omnye umhla wokuhlawula loo mali.

Amalungiselelo okubeka omnye umhla ngokuphathelelene nemali eyintsilelo kwi-akhawunti yakho, angaqwalaselwa uyakuyakuthi ga kwiinyanga ezintathu, kuxhomekeke kwizizathu zesicelo.

I-SARS iyakuqwalasela isicelo sakho kwaye yenze isigqibo sokugqibela kumalungiselelo okubeka omnye umhla wentlawulo. Nceda uqaphele ukuba i-SARS ingasala esi sicelo xa ibona njalo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Thumela izicelo zamalungiselelo okubeka omnye umhla wokuhlawula kwi-SARS ngale ndlela ilandelayo:

izicelo zokubeka omnye umhla wentlawulo zingasiwa ngesandla kwi-ofisi yebhrentshi ye-SARS ekufuphi kuwe
izicelo zomnxeba zingenziwa kuMaziko abandakanyekayo okuTsalela uMnxeba kwi-SARS
izicelo ezenziwa ngefeksi zingathunyelwa kwiZiko elibandakanyekayo lokuTsalela uMnxeba kwi-SARS okanye kwi-ofisi yebhrentshi ye-SARS ekufuphi kuwe.

Sayina isivumelwano sokubeka omnye umhla wokuhlawula phambi kokuba la malungiselelo abhalwe kwiingxelo zakho zerhafu.
Ukuba uthe awaphumelela ukuhambisana nemiqathango yokuhlawula le mali kusafuneka uyihlawule njengoko kuxeliwe kwisivumelwano esisayinwe ne-SARS, amalungiselelo esivumelwano ayakupheliswa kwaye kuyakuqaliswa imigaqo yokulandela yesiqhelo ukuze kufunyanwe le mali iseleyo kusafuneka uyihlawule.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  UMthetho weRhafu yeNgeniso-mali, wango 1962 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha liqingqwayo kule nkonzo.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifom zigcwaliswayo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


