﻿

Isicelo sokufumana inkcazelo kwiNkqubo yeLizwe esebenza ngoMatshini yokuKhupha iNkcazelo yeMiqulu neeNgxelo eziBalulekileyo zeMbali

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

INkqubo yeLizwe esebenza ngoMatshini yokuKhupha iNkcazelo yeMiqulu neeNgxelo eziBalulekileyo zeMbali, ebizwa ngokuba yi-National Automated Archival Information Retrieval System , yinkqubo ehlangeneyo yokukhupha inkcazelo yemiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali, enako ukuchaza izibhalo ezikwimiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali kwisihloko esichongiweyo, akukhathaliseki nokuba sesoluntu okanye ayisiso esoluntu, kwaye akukhathaliseki nokuba sikweyiphina indawo okanye siloluphina uhlobo.

I-NAAIRS incedisa abasebenzisi beendawo ezilondoloza imiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali bachaze kwaye babone ukuba ziphina izibhalo nezinto ezingqamene neemfuno zabo.

I-NAAIRS iqulathe kuphela inkcazelo malunga nezibhalo nezinto ezikwimiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali, hayi uqobo lwezibhalo nezinto zemiqulu.

Isininzi semiqulu neengxelo ezibalulekileyo ziingxelo zoluntu eziselugcinweni lweNdawo yeLizwe enguMthombo noVimba weMiqulu neeNgxelo eziBalulekileyo zeMbali , kunye neendawo zamaphondo eziyimithombo noovimba bemiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali. I-NAAIRS ikwafake iincwadi zelizwe zobhaliso lweengxelo ezingezizo ezoluntu eziselugcinweni lweendawo zabucala eziyimithombo noovimba bemiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali, ezingaphezulu kwama 40. Nangona nje ufikelelo loqobo kwimiqulu yeengxelo ezibalulekileyo zembali ingahlawulelwa, uluntu luyahlawuliswa ngokuvelisa iikopi zezi zibhalo neengxelo ukuze baphinde bazisebenzise; nokuba ziikopi zemifanekiso okanye zamaphepha. Nayo imipapasho iyathengiswa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Cela inkcazelo okanye iikopi ngolu hlobo:
â¢ ngokutyelela umthombo novimba wemiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali
â¢ ngokubhalela kumthombo novimba wemiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali
â¢ ngokuthumela ifeksi okanye i-e-mail; okanye
â¢ ngokufunisa kwi-online.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Archives and Records Service Act, 1996 
Promotion of Access to Information Act, 2000 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iintsuku zokusebenza ezisixhenxe ukuze ubone ukuba ziphina izibhalo nezinto ezikwimiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali.

Entla

Iindleko


Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom zokucela inkcazelo zifumaneka kumthombo novimba wemiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali .

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


