
Isicelo sokuseka i-learnership xa ungumqeshi    





Inkcazelo

I-learnership  yindlela eyenye yokuqeqesha egxininisa kumava okwenza umsebenzi.



Ii-Learnerships zibandakanya ukufunda kwigumbi lokufundela, kwiziko loqeqesho okanye kwikholeji, kunye nokuqeqeshelwa emsebenzini nqo kwindawo yokusebenza.



Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi. 

Inkqubo emayilandelwe

Abaqeshi kufuneka benze isigqibo sokuba zeziphi izakhono abazidingayo kwaye bangakhetha nokuba yeyiphi na i-learnership enikwa nguye nawuphi na uGunyaziwe weCandelo leMfundo noQeqesho, ekuthiwa yi-Sector Education Training Authority .
Abaqeshi bangenza isicelo sesiboneleloi kwi-SETA yabo bakube betyikitye  isivumelwano se-learnership. Kodwa ke, kubalulekile ukuba abaqeshi baqale banxulumane ne-SETA yabo phambi kokuba batyikitye isivumelwano se-learnership ukuze baqinisekise ukuba i-SETA inemali eyaneleyo. Nxulumana ne-SETA ukuze uqonde ukuba ungasenza njani na isicelo.
Khangela umntu kwinkampani okanye kwiziko lakho akhokele abafundi kwaye abancede ngengxaki abangajongana nazo mhlawumbi kule nkampani yakho.
Khangela umntu wokuncedisa umfundi ngenxenye yezifundo zengqondo ze-learnership ngokukhetha umniki-nkonzo zoqeqesho. Lo mniki-nkonzo zoqeqesho kufuneka abe unikwe uqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa yi-SETA.
Abaqeshi bangakhetha abafundi kwalapha kubasebenzi babo okanye bangakhetha abantu abangaphangeliyo bangenele i-learnership. Ukubangaba abaqeshi bafuna abantu abangaphangeliyo kwii-learnerships, banganxulumana neziko lezabasebenzi elikufuphi kubo ukuze bafumane uluhlu lwamagama akhoyo abantu abangaphangeliyo. Akunyanzelekanga ukuba abaqeshi babaqeshe aba bafundi bangaphangeliyo emva kwee-learnership.
Abaqeshi, abaniki-nkonzo zoqeqesho kunye nabafundi kufuneka basayine isivumelwano se-learnership.
Abaqeshi kufuneka basayine ikontrakthi nabafundi abangasebenziyo ehambisana noQulungqo ngokweCandelo, olujoliswe kwii-Learnerships. Akukho mfuneko yokusayina iikontrakthi ezintsha nabasebenzi esele besebenzela umqashi.
Kubalulekile ukuba abaqeshi babhalise isivumelwano sabo se-learnership kwi-SETA. Ukuba abakwenzi oko, abayikukwazi ukubanga isaphulelo serhafu kwi-South African Revenue Service . Nxulumana ne-SARS ukuze ufumane iinkcukacha ezibanzi malunga nendlela ongabanga ngayo isaphulelo serhafu.
Akuba egqityiwe wonke la manyathelo, abaqeshi bangayiqhuba i-learnership.

Umthetho osetyenziswayo

Skill Development Act, 1998  )UmThetho woPhuhliso lweZakhono)
Basic Conditions of Employment Act, 1997 , Sectoral Determination No 5 UmThetho wemiGaqo esisiSeko yeNgqesho, uQulunqo ngokweCandelo, Namba 5)



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha ithuba elifika kwiintsuku ezingama- 30 ukuze kusekwe i-learnership.



Indleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.



Iifom ezizaliswayo

Yenza isicelo kwiSebe leZabasebenzi



Inkcukacha zonxulumano


