
Isicelo semvume yokuqokelela incindi yobudoda yenkunzi yenkomo, yehagu okanye eyehashe
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Isilwanyana singavunyelwa ukuba ngumnikeli wempahla yofuzo xa ugqirha wezilwanyana engqina ukuba isilwanyana esinjalo samkelekile ngokuphathelele:

kwimo yempilo ngokubanzi
ukungabinazo izifo
kudidi lwencindi yobudoda 
kwiimpawu ezinye ezinokumiselwa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifomu yesicelo kwi-inthanethi uze uzalise ifomu yesicelo ngokwahlukanisa oonombumba usebenzisa oonobumba abakhulu. Ifomu kananjalo ingacelwa kuMbhalisi wokuPhucula iziLwanyana.
Isicelo kufuneka senziwe ngegama leziko elibhalisiweyo apho isilwanyana siya kugcinwa khona.
Kufuneka isicelo sithunyelwe kumbutho ofanelekileyo wabazalisi.
Amaxwebhu alandelayo kufuneka akhaphe isicelo:

umnombo wenzala ezimbini ezandisiweyo ezingqinwa yi-Studbook Association  okanye iGunyabantu eliBhalisayo
DNA/ isiqinisekiso sohlobo lwegazi
iirekhodi zokusebenza kwesilwanyana
intlawulo emiselweyo yesicelo.

Bhala itsheki neposoda uyihlawule ku-: The Director: Agriculture. Intlawulo kananjalo ingahlawulwa ngqo kwiakhawunti elandelayo yebhanki:
Standard Bank
Isebe: Arcadia
Account no: 011219556
Branch code: 000845/010845
Isicelo kufuneka siqinisekiswe ngugqirha wezilwanyana wangasese size singqinwe ngugqirha wezilwanyana osemthethweni.
Thumela isicelo ku-:
The Registrar of Animal Improvement
Private Bag X138
Pretoria
0001

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Improvement Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Xa umbhalisi engavumi ukwamkela isicelo, umenzi wesicelo uya kwaziswa ngeleta malunga nesigqibo nezizathu ekusekelwe phezu kwazo.
Xa umbhalisi esamkela isicelo malunga nemvume yesilwanyana esichaphazelekayo esifana nesilwanyana esingumnikeli, kuya kukhutshwa isiqinisekiso semvume.

Entla

Iindleko

R349 per animal

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Approval of a bull for collection of semen  yenkunzi yenkomo)
Approval for a boar for artificial insemination  yenkunzi yehagu)
Approval for a stallion for artificial insemination  yenkunzi yehashe)

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


