

Isicelo sepemithi yokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yokurhweba 

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yokurhweba kuthetha ukuba wenza imisebenzi efana nokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngenjongo yokurhweba ngazo. Ukuze ungenise iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle , kufuneka wenze isicelo sepemithi yokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle nesivunywa nguMphathiswa weMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho  okanye umntu onegunya lokwenza oko . Akukho mntu uya kurhweba angenise iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngaphandle kwepemithi. Yenza isicelo sepemithi entsha yokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle xa leyo ubunayo iphelelwe lixesha. Ukungaphumeleli ukubambelela kwimiqathango yepemithi kunganeziphumo zokunqunyanyiswa okanye ukurhoxiswa kwayo.

NB: Le pemithi yokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ayibandakanyi iintlanzi yamanzi afreshi  nezilawulwa liSebe lezoLimo . Izicelo zeepemithi zokungenisa iintlanzi ngaphakathi kweli lizwe ukulungiselela iintlanzi zamanzi afreshi ziphilile  okanye iintlanzi i-tropical fish masenziwe kwiSebe lezoLimo.

Kusetyenziswa le miqathango izizithintelo yokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle:

Iintlobo  ezikuluhlu lwe-Convention of International Trade in Endangered Species  zamazwe angaphandle azinakungeniswa kweli lizwe. (Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu nge- CITES yiya kwiziko lewebhu http://www.cites.org.

Ipemithi yokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ezifana ne-abalone, rock lobster nezinye iintlobo  ezimiselwe kuMthetho i-Marine Living Resources Act, No. 18, 1998  Appendix 4, 5 & 12, iya kuba semthethweni ukulungiselela umthwalo ngamnye  .
Kuphela ngunonkala okhenkciweyo opheleleyo  anobunzima be-600 g okanye ngaphezulu nangekho ngaphezu kweetoni eziyi-25 anokungeniswa amazwe angaphandle .
Akukho nonkala uhleliyo welizwe langaphandle unokungeniswa kweli lizwe.


Entla

Inkqubo emayilandelwe

Fumana ifom yokwenza isicelo ngokuthumela isicelo kwi-ofisi i-Marine and Coastal Management Office  okanye kwi-ofisi elisebe yeSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho   okanye uyikhuphele kwiziko lewebhu : http://www.mcm-deat.gov.za

Funda ifom yokwenza isicelo ngononophelo uze uqinisekise ukuba uyazanelisa iimfuneko nemiqathango.

Nikezela ngale ngcaciso ilandelayo:


iidilesi zendawo yokuhlala zabantu abathumela iintlanzi apha kwilizwe lokuzalwa

amagama awaziwayo nangawenzululwazi  eentlobo zeentlanzi 

ubungakanani beentlobo eziza kungeniswa zamazwe angaphandle.


Ngenisa isicelo sakho kunye nala maxwebhu alandelayo:


ikopi engqiniweyo yesazisi esiyintsusa  namaxwebhu okubhalisa enkampani yakho, nenkampani ezizi-close corporation okanye iitrasti.

iikopi ezingqiniweyo  zeepemithi ezisemthethweni zokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle kwiSebe lezoRhwebo noShishino i- okanye izaziso zeepemithi .

iikopi ezingqiniweyo  zesatifikethi esiyintsusa i-Tax Clearance Certificate njengoko sivunywe saza sakhutshwa yiNkonzo yeNgeniso yaseMzantsi Afrika  .


Yazisa isebe elikufutshane lakwa-South African Bureau of Standards  ngokumalunga nomthwalo ongeniswayo wamazwe angaphandle  xa ngaba iintlanzi zamazwe angaphandle azikho freshi kwaye azilungiselelwanga ukutyiwa ngabantu.

Zalisa uze usayine uze uthumele ifom yakho yokwenza isicelo kunye namaxwebhu axhasayo kwi-Marine and Coastal Management Office. 

Iifom eziyintsusa mazithunyelwe ngeposi, kwaye ukungakwenzi oko, kuya kubangela ukuba ipemithi ingakhutshwa.

Intlawulo yokwenza isicelo eyi-R225  iyafuneka.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Marine Living Resources Act, 1998  

The National Environmental Management Act, 1998  

The National Biodiversity Act, 2004  

The National Marine Protected Areas Act, 2003  

The Sea Birds and Seals Protection Act, 1973  

The Sea Fishery Act, 1988  


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo yokwenza isicelo ingathatha iintsuku zokusebenza ezisi-7 okanye ngaphezulu ngokuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.

Entla

Iindleko

Intlawulo yokwenza isicelo ye-R225 . Intlawulo ixhomekeke ekujongisisweni kwakhona kwaqho ngonyaka  okanye ukuqinisekiswa nguMphathiswa weSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho  okanye abanegunya lokwenza oko ngokusebenzisana noMphathiswa wezeMali .

Iinkcukacha zokubhankisha ukwenzela iNtlawulo yoKwenza isicelo sokuNgenisa iiNtlanzi:

Ibhanki: FNB
Isebe : Corporate Account Service Cape Town
Ikhowudi yesebe: 204109
I-akhawunti: Current
Inombolo ye-Akhawunti: 62123256382
Igama le-akhawunti: Marine Living Resources Fund
Inombolo yesalathiso . Nceda uqhagamshelane neZiko laBenzelwa iiNkonzo  ku-0861 123 626

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Application for an import permit  Awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


