

Isicelo sepemithi yokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle ngenjongo zokurhweba 

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano



Inkcazelo

Ukulobela ukurhweba  kukwenza umsebenzi onxulumene nokuloba ofana nokuthumela iintlanzi zolwandle kumazwe angaphandle ngenjongo yokuzithengisa. Ukuze uthumele iintlanzi zolwandle  kumazwe angaphandle okanye ngaphandle kwemida yeRiphabliki yoMzantsi Afrika, kufuneka wenze isicelo sepemithi yokuthumela kumazwe angaphandle nesivunywa nguMphathiswa weSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho (Minister of Environmental Affairs and Tourism okanye omnye umntu onegunya lokwenza oko. Akukho mntu uya kuthumela iintlanzi zolwandle kumazwe angaphandle ngaphandle kwepemithi. Xa ipemithi yokuthumela kumazwe angaphandle ebikho iphelelelwe emva kweenyanga ezintathu, kufuneka wenze isicelo sepemithi entsha. Ukungaphumeleli ukubambelela kwimiqathango yepemithi kunganeziphumo zokunqunyanyiswa okanye ukurhoxiswa kwepemithi.

NB: Le pemithi yokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle ayizibandakanyi iintlanzi zamanzi afreshi  nelawulwa liSebe lezoLimo . Izicelo zeepemithi zokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle ukulungiselela iintlanzi zamanzi afreshi ziphilile  okanye iintlanzi i-tropical fish masenziwe kwiSebe lezoLimo.

Iintlobo  ezikuluhlu lwe-Convention of International Trade in Endangered Species  azinakungeniswa kweli lizwe. (Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu nge- CITES yiya kwiziko lewebhu http://www.cites.org.

Ipemithi yokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle yohlobo lweentlanzi ezifana ne-abalone mayihanjiswe nesatifikethi se-CITES kumthwalo ngamnye.

Iipemithi zokuthumela kumazwe angaphandle ezikhutshelwa ezi ntlobo: bigeye tuna, southern bluefin tuna, swordfish, Antarctic toothfish, ne-Patagonian toothfish, mazihanjiswe kunye noxwebhu olufanelekileyo oluneenkcukacha-manani zokulotyiweyo  kumthwalo ngamnye. Amaxwebhu eenkcukacha-manani zokulotyiweyo  ayafumaneka kwiSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho , iSebe le-Marine and Coastal Management, iCandelo le-Offshore and High Seas Fisheries Management.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo sepemithi yokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle.

Fumana ifom yokwenza isicelo ngokuthumela isicelo kwi-ofisi iMarine and Coastal Management Office  okanye kwi-ofisi elisebe yeSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho (Department of Environmental Affairs and Tourism okanye uyikhuphele kwa: http://www.mcm-deat.gov.za ifom yokwenza isicelo ngononophelo uze uqinisekise ukuba uyazanelisa iimfuneko nemiqathango

Nikezela ngale ngcaciso ilandelayo:


iidilesi zendawo yokuhlala zabantu abangenisa iintlanzi zamazwe angaphandle kwelo lizwe ziya kulo

amagama awaziwayo nangawenzululwazi  eentlobo zeentlanzi 

ubungakanani beentlobo eziza kuthunyelwa kumazwe angaphandle

kwimeko yaxa kukho i-arhente ebandakanyekayo, kufuneka kuqhotyoshelwe isivumelwano phakathi kwamaqela achaphazelekayo amabini kunye neekopi zezazisi zabo banelungelo lokusayina 

iikopi zamaxwebhu eenkcukacha-manani zokulotyiweyo  kufuneka zibonelelwe kuzo zonke iintlobo ze-bigeye tuna, southern bluefin tuna, swordfish, Antarctic toothfish, ne-Patagonian toothfish ezithunyelwe phantsi kwepemithi yokuthumela kumazwe angaphandle yethuba langaphambili.


Ukuba umenzi-sicelo wepemithi yokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle akanguye umnikazi onelungelo lokuloba , makanikezele ngala maxwebhu alandelayo:


ubungqina beedilesi zendawo yokuhlala zabathengisi beentlanzi zolwandle eziza kuthunyelwa kumazwe angaphandle

amagama awaziwayo nangawenzululwazi  eentlobo zeentlanzi  eziza kuthunyelwa kumazwe angaphandle

ubungakanani beentlobo  eziza kuthunyelwa kumazwe angaphandle.


Ngenisa iikopi ezingqiniweyo  zala maxwebhu alandelayo:


ikopi engqiniweyo yesazisi esiyintsusa  namaxwebhu okubhalisa  enkampani yakho, nenkampani ezizi-close corporation okanye iitrasti

iikopi ezingqiniweyo  zeepemithi ezisemthethweni zokungenisa iintlanzi ezivela kwiSebe loRhwebo noShishino i-  okanye izaziso zeepemithi 

iikopi ezingqiniweyo  zesatifikethi esiyintsusa i-Tax Clearance Certificate njengoko sivunywe saza sakhutshwa yiNkonzo yeNgeniso yaseMzantsi Afrika .


Yazisa isebe elikufutshane lakwa-South African Bureau of Standards  malunga nomthwalo wakho oza kuthunyelwa kumazwe angaphandle  ukuba iintlanzi oza kuzithumela azikhofreshi kwaye azinakho ukutyiwa. Ukuba iintlanzi zifreshi kwaye zilungiselelwe ukutyiwa yazisa i-Port of Health.

Intlawulo yokwenza isicelo eyi- R225  iyafuneka.

Zalisa, uze usayine uze uthumele ifom yokwenza isicelo sepemithi yokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle kunye namaxwebhu ayimfuneko kwi-Marine and Coastal Management Office. .

Izicelo zentsusa mazithunyelwe ngeposi, ukuze ingakhutshwa ipemithi xa ungakwenzanga oko.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Marine Living Resources Act, 1998  

The National Environmental Management Act, 1998  

The National Biodiversity Act, 2004  

The National Marine Protected Areas Act, 2003  

The Sea Birds and Seals Protection Act, 1973  

The Sea Fishery Act, 1988  

The Sea-shore Act, 1935  

The International Convention for the Prevention of Pollution from Ships Act, 1986  


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo yokwenza isicelo ingathatha iintsuku ezisi-7 kwezomsebenzi okanye ngaphezulu ngokuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.

Entla

Iindleko

Kufunwa intlawulo yokwenza isicelo eyi-R225 . Intlawulo ixhomekeke ekujongisisweni kwakhona kwa qho ngonyaka  okanye ukuqinisekiswa nguMphathiswa weSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho  okanye umntu onegunya lokwenza oko ngokusebenzisana noMphathiswa wezeMali .


Iinkcukacha zokubhankisha ukwenzela intlawulo yokwenza isicelo sepemithi yokuthumela iiintlanzi kumazwe angaphandle:

Ibhanki: FNB
Isebe : Corporate Account Service Cape Town
Ikhowudi yeSebe: 204109
I-akhawunti: Current
Inombolo ye-Akhawunti : 62123256382
Igama le-akhawunti : Marine Living Resources Fund
Inombolo yesalathiso : Nceda uqhagamshelane neNeziko laBenzelwa iiNkonzo:  kwa-0861 123 626

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for an export permit 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


