
Isicelo sepemithi yokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukulobela ulonwabo  kukwenza imisebenzi emalunga nokuloba efana nokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo. Ukuze ungenise intlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo , kufuneka wenze isicelo sepemithi yokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle nesivunywa nguMphathiswa weSebe lokusiNgqongileyo noKhenketho  okanye omnye umntu onegunya lokwenza oko. Iintlanzi zamazwe angaphandle mazingathengiswa, kodwa mazisetyenziselwe injongo yokuba zityiwe okanye zisetyenziswe. Akukho mntu uya kungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngaphandle kwepemithi yokungenisa iintlanzi ngenjongo yolonwabo. Kufuneka wenze isicelo sepemithi entsha yokungenisa intlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo  xa leyo ibikho iphelelwe. Ukungaphumeleli ukubambelela kule miqathango yepemithi kunganeziphumo zokunqunyanyiswa okanye ukurhoxiswa kwepemithi.

NB: Le pemithi yokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ayibandakanyi iintlanzi zamanzi afreshi  nezilawulwa liSebe lezoLimo . Izicelo zeepemithi zokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ukulungiselela iintlanzi zamanzi afreshi ziphilile  okanye iintlanzi i-tropical fish masenziwe kwiSebe lezoLimo .

Kusetyenziswa le miqathango izizithintelo ukungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle:

Akukhozi-CITES zidweliswe kuluhlu lweentlobo  zamazwe angaphandle emazingeniswe kweli lizwe.  yiya kwiziko lewebhu http://www.cites.org .
IiPemithi zokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo ezikhutshelwa ukulungiselela ukusetyenziswa ngabantu okanye ukutyiwa ziya kuba semthethweni kangangethuba lolo hambo lokuya nokubuya kwilizwe ekuyiwa kulo.
Akukho zintlanzi zolwandle zihleliyo zamazwe angaphandle zingangeniswa kweli lizwe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa iifom zokwenza isicelo ezifanelekileyo uze uzingenise kwiSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho , kunye nale ngcaciso ilandelayo:

imihla yokumka nobuyela eMzantsi Afrika
igama lelizwe ekuyiwa kulo
malichazwe iziko eliyi-ofisi yemida yaseMzantsi Afrika  eya kusetyenziswa xa kubuyelwa eMzantsi Afrika
ubungqina bedilesi yendawo yokuhlala, iinombolo zefowuni neenombolo zefeksi zaseMzantsi Afrika
cacisa ukuba iintlanzi ziya kungeniswa zinjani na kweli lizwe /Zibandisiwe /njl.njl.)
ikopi engqiniweyo yesazisi somenzi-sicelo ngamnye
ubungqina bentlawulo 
akukho zifeksi, zikopi nee-imeyili, ziya kwamkelwa
iifom zingangeniswa ngesandla okanye ngokuthunyelwa ngeposi.


Nceda uqaphele:

Yenza isicelo ubuncinane kwiiveki ezimbini phambi kokumka kwakho ukuvumela ithuba lokusingathwa kwaso
Akukho pemithi ifunekayo ukwenzela ibheyithi yokuthiya . Nangona kunjalo, nceda uqinisekise ukuba unayo ipemithi nokuba yeyebheyithi yokulobela ulonwabo  ikheshi-sliphu yebeyithi ethengiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Marine Living Resources Act, 1998  

The National Environmental Management Act, 1998  


The National Biodiversity Act, 2004  

The National Marine Protected Areas Act, 2003  
The Sea Birds and Seals Protection Act, 1973  
The Sea Fishery Act, 1988  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo yokusingathwa kwesicelo ingathatha iintsuku eziyi-7 kwezokusebenza okanye ngaphezulu ukulungiselela ukufakwa kwesicelo okufanelekileyo.

Entla

Iindleko

Isicelo sepemithi yokulobela ulonwabo :Intlawulo yokwenza isicelo eyi-R120 ebandakanya konke.

Iinkcukacha zokubhankisha zezi zilandelayo:

Ibhanki: FNB
Isebe : Corporate Account Service Cape Town
Ikhowudi yesebe: 204109
I-akhawunti: Current
Inombolo ye-akhawunti. 62123256382
Igama le-akhawunti: Marine Living Resources Fund
Ref No. Nceda uqhagamshelane neZiko laBenzelwa iinKonzo:  kwa: 0861 123 626

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Application to import fish on recreational basis. Amafom akafumaneki kwi internet Nceda uqhagamshelane ne-ofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


