

Isicelo selungelo lokuloba kwakunye nepemithi yokulobela ukurhweba

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukulobela ukurhweba  ngokusisiseko kukusebenzisa ilungelo lokuloba . Kuqala kufuneka kwenziwe isicelo selungelo lokuloba ukuze sivunywe, ukuze kusetyenziswe , kuvunwe  iintlanzi okanye kwenziwe imisebenzi yokuloba ngenjongo yokurhweba. Likwabandakanya ukwenza imisebenzi yokuloba emalunga nemisebenzi engekuko ukutyiwa kweentlanzi . Ukuze usebenzise ilungelo lakho lokuloba , yenza isicelo sepemithi yokulobela ukurhweba (commercial fishing permit) esivunywa nguMphathiswa weSebe lokusiNgqongileyo noKhenketho (Department of Environmental Affairs and Tourism) (DEA&T) okanye umntu onegunya lokwenza oko. Amalungelo apheleleyo okanye aqingqiweyo okulobela ukurhweba avunywa kumacandelo okuloba akhethekileyo li-Sebe le-DEA&T ngokusekelwe kwi-Total Allowable Catch or Effort (TAC/E) emiselwa qho ngonyaka nguMpathiswa weSebe lokusiNgqongileyo noKhenketho (Minister of Environmental Affairs and Tourism) (DEA&T). Akukho mntu uya kwenza umsebenzi wokuloba ngenjongo yokurhweba ngaphandle kwpemithi.

Okukuqala yenza isicelo selungelo lokuloba ngenjongo yorhwebo phambi kokuba wenze isicelo sepemithi yokuloba ngenjongo yokurhweba . Ipemithi iyahlaziywa qho ngonyaka kwaye ukungaphumeleli ukulandela imiqathango yepemithi kunganeziphumo zokunqunyanyiswa, ukurhoxiswa kwelo lungelo.

Ngaphezu koko, ukongeza kwipemithi yokuloba ngenjongo yokurhweba , uya kufuna ipemithi yokuthutha iintlanzi.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo selungelo lokuloba kuphela xa kukho isimemo esinokupapashwa kwiGazethi kaRhulumente .

Fumana ifom yokwenza isicelo kwiSebe lokusiNgqongileyo noKhenketho  okanye kwindawo yokuqokelwa/yokuhanjiswa  kweefom epapashwe yi-DEA&T.

Funda ngononophelo, qonda uze uqinisekise ukuba uyazanelisa iimfuneko zokwenza isicelo kwakunye nemiqathango.

Zalisa, usayine uze ungenise ifom kunye namaxwebhu axhasayo ayimfuneko angqinisisiweyo kwakunye nentlawulo emiselweyo engayi kubuyiswa  kulo ndawo icaciswe lisebe okanye yi-ofisi yakwa- DEA&T ekufutshane kuwe.

Inkqubo yovavanyo iya kuqala emva komhla omisiweyo wokuvala  kwizicelo ukuze iziphumo zibhengezwe ngembalelwano yi-DEA&T.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Marine Living Resources Act, 1998  

The National Environmental Management Act, 1998  

The National Biodiversity Act, 2004  

The National Marine Protected Areas Act, 2003  

The Sea Birds and Seals Protection Act, 1973  

The International Convention for the Prevention of Pollution from Ships Act, 1986  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Udidi lwelungelo lokuloba:

Inkqubo yokusingathwa kwesicelo ingathatha inyanga enye  ukuya kwezi-3 okanye ngaphezulu ngokuxhomekeke kumthamo wezicelo kunye/okanye ngexesha lonyaka lecandelo lokuloba .



Isicelo sephemithi yokuloba:

Inkqubo yokusingathwa kwesicelo ingathatha inyanga enye  ukuya kwezi-3 okanye ngaphezulu ngokuxhomekeke kumthamo wezicelo kunye/okanye ngexesha lonyaka lecandelo lokuloba .

Entla

Iindleko



