
Isicelo sokungenisa impahla nezinto kweli lizwe

Inkcazelo

NgokoMthetho wokuLawulwa koRhwebo lwaMazwe eHlabathi , uMphathiswa wezoRhwebo naMashishini, naninina xa ebona ukuba kuyimfuneko okanye kuluncedo kwiminqweno neemfuno zoluntu, angamisela ngesaziso kwiGazethi kaRhulumente, ukuba kungabikho zimpahla nezinto zodidi okanye zohlobo olungqalileyo

ezingangeniswa eMzantsi Afrika; okanye
ezingangeniswa eMzantsi Afrika ngaphandle kwaphantsi kwegunya lepemethe kunye nangokuhambisana nemiqathango exelwe kwipemethe ekhutshwe nguye okanye ngumntu ogunyaziswe nguye.

Izicelo zeepemethe zokungeniswa kwempahla nezinto, eziphantsi kwamanyathelo olawulo lokungeniswa kwempahla nezinto elizweni, kufuneka zenziwe kwifom emiselwe oku.

Injongo yale nkonzo kukuqinisekisa ukuba impahla nezinto ezingeniswe elizweni ezingamasekendi azilitshabalalisi ishishini leManyano yokuNgeniswa kweMpahla neZinto yaseMazantsi e-Afrika, ekuthiwa yi-Southern African Customs Union . Le nkonzo ikwaphakamisa ulawulo lwezizathu zempilo nokhuselo lezokusingqongileyo kunye nokuhambisana nokhuseleko kunye nomgangatho, ndawonye nolawulo ngenjongo yokuhambisana nezizathu zezokusingqongileyo.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya International Trade Administration Commission.

Inkqubo emayilandelwe

Iifom zesicelo kufuneka zigcwaliswe kwaye zihanjiswe.

Yisa iifom kwiCandelo loBuqondisi boLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle, kwiKomishoni yokuLawulwa koRhwebo lwaMazwe eHlabathi .


Imithetho esetyenziswayo

International Trade Administration Act, 2002  UMthetho wokuLawulwa koRhwebo lwaMazwe eHlabathi

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iifom ezigcwaliswayo

Application for Import Facilities
Annexure to Application for Import Facilities

Iinkcukacha zonxulumano



