﻿

Isicelo sesikhokelo serhafu – Iimali zesisa

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Esi sicelo sithunyelwa kwi-South African Revenue Service  xa kufunwa isikhokelo sokuxhuzula irhafu malunga neentlawulo nje ezisecaleni ezisisixa sesambuku, eziphuma kubaqashi .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Qinisekisa ukuba imibandela yakho yerhafu ime kakuhle phambi kokuba wenze isicelo sesikhokelo serhafu. I-SARS ayidli ngokusikhupha isikhokelo serhafu ukubangaba kukho iincwadi zokubuyisa zerhafu ongekazibuyisi okanye kukho iintlawulo ongekazenzi.
Khupha ezi zinto zilandelayo ukuze uncedise i-SARS ekuvumeni isicelo sakho sesikhokelo serhafu:

ifom yesicelo ekuthiwa yi-IRP3
i-ID yakho kunye nenombolo yakho yokwazisa yerhafu 
inombolo yomqashi wakho yokwazisa ye-PAYE.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Sakube sivunyiwe isicelo yi-SARS, kuyakuthunyelwa ubungqina kwisithuba seentsuku ezimbalwa, kodwa sona isikhokelo esigunyazisiweyo serhafu singathabatha ukuyakutsho kwiiveki ezine.

Eyona ndlela ilula kakhulu yokwenza isicelo sesikhokelo kukusifaka nge-eFiling. Isicelo sakho sesikhokelo esenziwe ngale ndlela sidla ngokuvunywa kwisithuba seeyure ezingama 48.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Zalisa uze ungenise ifom yakho yesicelo ngonxibelelwano lwekhompyutha. Okunye ongakwenzayo, kukuyikopa  ifom: Application for tax directive: Gratuities IRP3 .

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


