﻿

Isicelo sesikhokelo serhafu – ukuxhuzulwa ngepesenti esisigxina

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Esi sikhokelo sithunyelwa xa kwenziwe isicelo sokuba umvuzo womrhafi uxhuzulelwe irhafu ngepesenti esisigxina. Umqashi nguye ekufuneka athumele esi sicelo egameni lomqeshwa.

Izikhokelo azitshintsheleki, kwaye xa umqeshwa ethe watshintsha imo yakhe yengqesho, kufuneka kwenziwe isicelo esitsha. Ukubangaba usebenzela abaqashi abaninzi, yenza izicelo zezikhokelo ezohlukeneyo ngokomqashi ngamnye.

Kufuneka iikopi zeencwadi zengqesho, izivumelwano ezizikhontrakthi zenkonzo kunye neminye imiqulu ebandakanyekayo, ukuze kungqinisiswe iimeko nemigaqo yengqesho.

Isikhokelo sokuxhuzula irhafu ngepesenti esisigxina siyakukhutshelwa ixesha elithi ga kwiinyanga ezili 12, kwaye kufuneka sivuselelwe emva koko.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Qinisekisa ukuba imibandela yakho yerhafu ime kakuhle phambi kokuba wenze isicelo sesikhokelo serhafu. I-SARS ayidli ngokusikhupha isikhokelo serhafu ukubangaba kukho iincwadi zokubuyisa zerhafu ongekazibuyisi okanye kukho iintlawulo ongekazenzi.
Faka ezi zinto zilandelayo kwisicelo sakho sesikhokelo serhafu:

i-ID yakho kunye nenombolo yakho yokwazisa yerhafu 
inombolo yomqashi wakho yokwazisa ye-PAYE.

Faka le miqulu ilandelayo kwisicelo sakho:

ikopi yesivumelwano esiyikhontrakthi yenkonzo 
incwadi evakalisayo ukubangaba ayikho inombolo yakho ye-ID kunye neyokwazisa ye-PAYE.


Yisa isicelo sakho nqo ngokuphathekayo kwi-ofisi yebhrentshi ye-SARS, kuba kaloku umqeshwa kufuneka afake ingxelo egcweleyo yengeniso-mali kunye nenkcitho.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Sakube sivunyiwe isicelo yi-SARS, kuyakuthunyelwa ubungqina kwisithuba seentsuku ezimbalwa. Kodwa ke, sona isikhokelo esigunyazisiweyo serhafu singathabatha ukuyakutsho kwiiveki ezine.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for tax directive: Fixed percentage, IRP 3b 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


