﻿

Isicelo somyalelo werhafu – imali esisigxina

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Esi sicelo somyalelo sifakwa kwi-South African Revenue Service  ukuze kucelwe ukuba kuxhuzulwe imali esisigxina yerhafu kwingeniso-mali yomrhafi okanye kwimali ayamkela qho ngonyaka.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Qinisekisa ukuba imibandela yakho yerhafu ime kakuhle phambi kokuba wenze isicelo somyalelo werhafu. I-SARS ayidli ngokuwukhupha umyalelo werhafu ukubangaba kukho iincwadi zokubuyisa zerhafu ongekazifaki okanye unemali ongekayihlawuli yerhafu.

Khupha ezi zinto zilandelayo ukuze uncedise i-SARS ekuvumeni isicelo sakho somyalelo werhafu:

ifom yesicelo eyi-IRP3
i-ID  yakho kunye nenombolo yakho yobungqina berhafu
inombolo yobungqina be-PAYE yabaqashi bakho okanye yabalawuli bengxowa-mali
ingxelo egcweleyo yengeniso-mali nenkcitho. I-ofisi yebhrentshi ye-SARS ingacela ubungqina beenkcitho ezithile phambi kokuba ivume isicelo somyalelo
indlela esetyenzisiweyo  okanye ukubalwa kokubanoxanduva lwerhafu.

Sakuba sivunyiwe isicelo yi-SARS, uyakunikwa ubungqina bokuvunywa kwiintsukwana ezimbalwa, kodwa wona umyalelo werhafu ogunyazisiweyo ungathatha ixesha elinokuya kuthi ga kwiiveki ezine.

Eyona ndlela ilula kakhulu yokwenza isicelo somyalelo werhafu kukusifaka nge- eFiling. Isicelo sakho somyalelo werhafu esenziwe ngale nkonzo sidla ngokuvunywa kwisithuba seeyure ezingama 48 ukubangaba i-ofisi ayidingi bungqina beenkcitho.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Lingaya kutsho kwiiveki ezine.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Zalisa uze ungenise ifom yakho yesicelo ngonxibelelwano lwekhompyutha. Okunye ongakwenzayo, kukuyikopa  ifom: IRP 3 ekhompyutheni, uze uyizalise.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


