﻿
Isicelo sokubhalisa ukutya kwasefama okanye ukutya kwezilwanyana zobuhlobo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Konke ukutya kwasefama okungeniswe elizweni, okwenziweyo, okuvelisiweyo okanye okuthengiswayo apha eMzantsi Afrika kufuneka kubhaliswe ku-Registrar , Act 36 of 1947 . Umenzi wesicelo kufuneka kube ngumntu ngokusemthethweni, umzkl, John Peter Citizen T/A Diepsloot Stud.

Inkampani ya phesheya ayifanelanga ukwenza isicelo sokungenisa elizweni apha eMzantsi Afrika. Isicelo sokubhalisa ukutya kwasefama nezichumisi singenziwa kuphela yinkampani yasekhaya ebhalisiweyo, ummi waseMzantsi Afrika okanye umbutho osemthethweni obhalisiweyo apha eMzantsi Afrika.

Ukutya kwasefama kuquka umququ, amakhatshu, ifula engasilwanga, ifula yovimba, nayiphi na isirili ezinkozo okanye ukutya okulungiswe ngumnini-fama ngenjongo yokuzisebenzisela kona.

Cela ii- guidelines  malunga neemfuno ngokubanzi zokutya kwasefama kuMbhalisi, Act 36 of 1947 .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Isicelo sokubhalisa ukutya kwasefama siqulethe:

Incwadi echazayo evela kumnini wobhaliso okanye ummeli otyunjiweyo. Ileta echazayo kufuneka iquke:

igama lemveliso
inombolo yobhaliso xa imveliso sele ibhalisiwe
isizathu sokuthumela isicelo 
iileta zesivumelwano xa kufuneka imvume yominini wobhaliso 
intlawulo echanekileyo yesicelo
iitsheki ezithunyelwa ngokwahlukeneyo nesicelo kufuneka zikhatshwe yileta echazayo. Iitsheki neposoda kufuneka zihlawulwe ku-Director –General: Agricultur.

Thumela iifomu  zesicelo zezicelo ezintsha nezilungiso kubhaliso olukhoyo, kuquka neenguqu zokwakheka.
Zalisa ngokupheleleyo, ngaphandle kokubhekisa kwizicelo zexesha elidlulileyo, iinombolo zamaphepha okanye ezinye iimveliso .
Iifomu zesicelo kufuneka zisayinwe ngumntu otyunjiweyo ngokusemthethweni yaye lona kunqweneleka kube ngumntu wenkampani onoqhagamshelwano noMbhalisi.
Igama nenombolo yobhaliso yemveliso kufuneka lisetyenziswe njengoko kuchaziwe kwisiqinisekiso sobhaliso. Nayiphi na inguqu egameni, nokuba incinci kangakanani, iya kuthathwa njengesilungiso.
Iifomu zesicelo kufuneka zifakwe kwiofisi yolawulo. Ukunikela izicelo kwii- Technical Advisers  kuya kubambezela inkqubo.
Uyilo lweleyibhile:

thumela iikopi ezimbini
nikela ngesiNgesi nesiBhulu. Akukho mfuneko yokuba iileyibhile zishicilelwe ngeelwimi ezimbini
kufuneka ibhalwe ngendlela ecacileyo nefundekayo, ngendlela echanekileyo
ungabhali iinombolo kwizilumkiso neziqapheliso
onke amanqaku akwileyibhile kufuneka ahambelane ngako konke nalawo akwifomu yesicelo.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Fertilizers, Farm Feeds, Agricultural Remedies and Stock Remedies Act, 1947  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathatha iinyanga ezintathu kuya kwezine ukuba ukutya kwasefama nokutya kwezilwanyana zobuhlobo kubhaliswe.

Entla

Iindleko

Depends on type farm feed 

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for registration of a farm feed 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


