
Isicelo samalungelo okumilisa izityalo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Amalungelo abaMilisi bezityalo anikelwa kuphela ngokuphathelele kwiintlobo ezahlukeneyo zezityalo ezibhengezwe kwi-Plant Breeders' Rights Act, 1976 . Iintlobo zezityalo ezinokuba ngama- 290 ziqukiwe kuluhlu lwezityalo  ezinganikelwa ngokuphathelele kumalungelo abamilisi bezityalo.

Umbhalisi wamaLungelo abaMilisi beziTyalo unokuthatha uhlobo oluthile njengohlobo olutsha aze anikele ngamalungelo abamilisi bezityalo xa:

Izixhobo zokumilisa olo hlobo zingekathengiswa apha eMzantsi Afrika kwithuba elingaphaya konyaka.
Kwimeko yohlobo lomthi okanye umdiliya, apho izixhobo zokumilisa zingekafumaneki kwelinye ilizwe, kwezoshishino okanye kuluntu kwithuba elingaphaya kweminyaka emithandathu, okanye kwimeko yesityalo nasiphi na esinye, kwithuba elingaphaya kweminyaka emine.
Kufuneka izixhoba zokumilisa zihambelane ne-DUS  :

kufuneka sahluke ngokucacileyo kuhlobo naluphi na olunye lomnombo ofanayo
kufuneka sifane, kukuthi, zonke izityalo kulimo kufuneka zikhangeleke zifana yaye zibe neempawu ezifanayo
kufuneka sizinze, kukuthi, kufuneka izityalo zohlobo oluthile, emva kokulinywa amatyeli aliqela, zisoloko zikhangeleka zifana nezityalo zentsusa
kufuneka sibe negama elamkelekileyo.


Entla

Inkqubo emayilandelwe

Jonga uLuhlu 1 lwe-Plant Breeders' Rights Act  ukuqinisekisa ukuthi ingaba uhlobo lwesityalo sodidi oluswela ukhuselo, lupapashiwe kusini na.
Xa uhlobo lwesityalo lungabonakali kuluhlu, thumela isicelo ngokuphathelele kupapasho kwakunye nenkxaso ebhaliweyo kuMbhalisi wamLungelo abaMilisi beziTyalo.
Ukuba uhlobo lwesityalo lukhona kuluhlu, kufuneka kuthunyelwe izinto ezilandelayo:

ifomu yesicelo ezaliswe ngokupheleleyo
technical questionnaire 
intlawulo emiselweyo yesicelo novavanyo
imbewu okanye izixhobo zokumilisa
ugunyaziso olubhaliweyo oluvela kumnini-sityalo, ukuba awusimilisanga, wasikhetha okanye waqhubela phambili udidi.

Bonakalisa ngendlela ecacileyo kuthotho lwemibuzo ukuba udidi olutsha kufuneka luthelekiswa neziphi ezinye iindidi ezaziwayo ukumisela ukuzibalula.
Ungenza isicelo sokhuselo lwethutyana lodidi. Oku kuxela ukuthi udidi lukhuselwe ngethuba lovavanyo. Kufuneka unikezele ngokuzibophelela okubhaliweyo ukuthi ungathengisi  nayiphi na into yokumilisa yodidi okujoliswe kulo kude kube zonke iimvavanyo zigqityiwe yaye kunikelwe ngamalungelo abamilisi. Luyakhuthazwa ukhuselo lwethutyana ngokuphathelele kwizityalo apho iimvavanyo zithatha ixesha elingaphaya konyaka ukuze zigqitywe.
Kukho iintsuku ezimiselweyo ekufuneka kuthunyelwe ngazo amaxwebhu nezixhobo zokumilisa kuMbhalisi. Iinkcukacha zezi ntsuku, inani lezixhobo zokumilisa ekufuneka zithunyelwe nalapho kufuneka zithunyelwe khona, ziyafumaneka kuMbhalisi.
Xa uluhlu lodidi lukhona ngokuphathelele kolo hlobo olwenzelwa isicelo samalungelo abamilisi bezityalo, thumela izicelo ngaxeshanye ukulondoloza ixesha nemali.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Plant Breeders' Rights Act, 1976  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo yokuhlola amalungelo abamilisi bezityalo ithatha ithuba lolimo elinye ubuncinane.

Entla

Iindleko

Isicelo semvume yelungelo lokumilisa izityalo: R1 300 inye
Intlawulo yovavanyo lwelungelo lokumilisa izityalo zeHlelo A : R2 200 inye
Intlawulo yovavanyo lwelungelo lokumilisa izityalo zeHlelo B : R3 000 inye
Intlawulo yovavanyo lwelungelo lokumilisa izityalo zeHlelo B : R2 600 inye
Ubango lokuqwalaselwa kuqala ngokwecandelo 8 lwe-Plant Breeders' Right Act, 1976 , lwesicelo sokunikelwa ilungelo lommilisi wezityalo: R700 inye
Impikiso yemvume yelungelo lokumilisa izityalo: R4 500 inye
Intlawulo yonyaka nonyaka yemvume yelungelo lokumilisa izityalo: R250 inye
Isicelo sokukhutshwa kwelayisensi ebophelelayo malunga nelungelo lommilisi wezityalo: R3 600 inye
Isaziso sokugqithiswa kwelungelo lommilisi wezityalo: R650 inye
Isicelo sokuguqula okanye ukufakelela kwigama elamkelweyo ngokuphathelele kudidi: R1 500 inye
Impikiso echasene nokwamkelwa okucetywayo kokuguqula okanye ukufakelela kwigama elamkelweyo ngokuphathelele kudidi: R650 inye
Impikiso echasene nokupheliswa okucetywayo kwelungelo lommilisi wezityalo: R650 inye
Isaziso sokurhoxisa ngokuzithandela ilungelo lommilisi wezityalo: Simahla
Provision of results of tests and trials undertaken by the registrar, to the appropriate authourity in a convention country or an agreement country: Tariff to fluctuate with exchange rate: CHF 350 
Inspection of the register of plant breeder's rights: Simahla
Inspection of a document submitted to the registrar in connection with an application for the grant of a plant breeder's rights: R370 per occasion
A certificate of any particulars in the register or of any document in connection with an application for the grant of a plant breeder's right: R370 per certificate
A copy of any particulars in the register or of a document submitted to the registrar in connection with an application for the grant of a plant breeder's right: R8 per application puls photocopy charge R1,10 per copy
Submission of appeal against any decision or action taken by the registar in terms of the Act: R3 600 inye
Examanation of samples to determine varietal purity: R2 000 , R3 000  and R2 600 


Entla

Iifom ezigcwaliswayo



PBR/VL 2004 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


