

Ukufaka isicelo sesiqinisekiso sokungenisa elizweni isiselo esinxilisayo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Kufuneka isiqinisekiso sokungenisa elizweni ukuze ukwazi ukungenisa isiselo esinxilisayo  apha eMzantsi Afrika. Isiqinisekiso sokungenisa elizweni okanye ikopi siya kufuneka phambi kokuba umthwalo ukhululwe kwizibuko lokungena.

Umngenisi elizweni wenza isicelo sesiqinisekiso sokungenisa elizweni kube kanye kubomi bemveliso. Emva koko loo nombolo inye yesiqinisekiso sokungenisa elizweni ingasetyenziswa xa isakhiwo, iziqulatho, ubukhulu bebhotile neleyibhile yemveliso ingaguqukanga.

Isiqinisekiso sokungenisa elizweni asinakufuneka malunga nemveliso engeniswa elizweni equlathe isiselo esinxilisayo esingaphezulu kwesinye ekhulwini ngenjongo yokusela yaye iyinxalenye yomthwalo wobuyena yomntu ofikayo eMzantsi Afrika, ngokuxhomekeke ekubeni iimveliso ezinjalo:


isambuku sazo asigqithi kumthamo weelitha ezili-12 yaye

injongo yeyokuba isetyenziswe kuphela nguloo mntu, usapho lwakhe neendwendwe zakhe ezingahlawuliyo.


Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifomu yesicelo.

Kufuneka isicelo ngasinye sikhatshwe yisampuli equlathe ubuncinci bama-750 ml bemveliso echaphazelekayo.


Kwimeko yemveliso engeniswa isebhotileni, nikela ngesampuli esebhotileni eneleyibhile leyo eya kuthengiswa ngayo.

Thumela isampuli yesiselo esinxilisayo esingeniswe elizweni ngobuninzi ngebhotile eqhelekileyo yama-750 ml.

Yisa isampuli kwiofisi ye-Division Liquor Products in Stellenbosch .


Thumela isiqinisekiso esamkelekileyo sohlahlelo esikhutshwe yilebhu esemthethweni yelizwe esivela kulo. Ukuba esi asifumaneki, i-Division Liquor Products  liya kuqhuba uhlahlelo lwekhemikhali lwesampuli.

Kwimeko yemveliso engeniswa isebhotileni, ileyibhile yebhotile iyahlolwa ukuqinisekisa ukuthi yanelisa iimfuno ze-Liquor Products Act, 1989 .

Malunga nemveliso engeniswa ngobuninzi iziqulatho ziya kuhlolwa. Ileyibhile ihlolwa ukuze kufakwe isicelo semvume yesiqinisekiso sokuthengisa.

Kufuneka iCandelo lifumane imali  phambi kokuba kukhutshwe isiqinisekiso sokungenisa elizweni.

Isiqinisekiso sokungenisa elizweni siya kukhutshwa xa iziqulatho neleyibhile, kwimo yemveliso engeniswa isebhotileni, yaye kwimeko yemveliso engeniswa ngobuninzi, xa iziqulatho zemveliso zanelisa iimfuno ze-Liquor Products Act, 1989 . Emva koko umthwalo wemveliso ungangeniswa elizweni.


Ngamaxa onke xa umthwalo wesiselo esinxilisayo okhutshwele isiqinisekiso sokungeniswa elizweni, uza kungena eMzantsi Afrika, nika i-Division Quality Audit  isaziso seeyure ezingama-48 ubuncinane.

Xa iimveliso zesiselo esinxilisayo zifika eMzantsi Afrika, kufuneka umngenisi elizweni afumane ileta yokugqithisa kwi-Division Quality Audit  ukuze asuse isiselo esinxilisayo kwindawo yezibuko okanye kwisiza sesikhululo sesiqulatho sokhetho lwakhe.



Entla

Umthetho osetyenziswayo

Liquor Products Act, 1989  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Alikho ixesha elibekiweyo malunga nale nkonzo.

Entla

Iindleko

: R125

: R220

Uhlahlelo lwesampuli yemveliso eNgeniswa elizweni: R310

Intlawulo yohlahlelo ngokwentlawuliso eqhelekileyo yohlahlelo lwesiselo esinxilisayo  ngendlela yesaziso setyala)

Xa umngenisi elizweni enikela i-Division Liquor Products  isiqinisekiso esamkelekileyo sohlahlelo esikhutshwe yilebhu esemthethweni yelizwe esivela kulo, anganikwa uyekelelo malunga nokuhlawula ama- R290


Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for an import certificate 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


