﻿

Isicelo sepemethe yemvumelwano

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipemethe yemvumelwano  yincwadi enika abantu bangaphandle imvume yokungena eMzantsi Afrika ukuze bathabathe inxaxheba kwiinkqubo ekuvunyelwene ngazo nguMzantsi Afrika namazwe waba bantu.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI – 1738 kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko lobuMeli beli lizwe elikufuphi kuwe.
Hambisa ezi ncwadi zilandelayo:

Incwadi ephuma kwiqumrhu okanye kwiziko elibandakanyeka kwesi sivumelwano engqina uhlobo lwenkqubo. Le ncwadi iyakungqina isi sivumelwano ekuyakuqhutyelwa phantsi kwaso le nkqubo, ukuthabatha inxaxheba komenzi-sicelo  kule nkqubo ixeliweyo kunye nohlobo lwemisebenzi umenzi-sicelo alindeleke ukuba ayenze phantsi kwesi sivumelwano.
Isatifiketi sokugabulwa esiphuma kumapolisa kuwo onke amazwe umenzi-sicelo nomlingane wakhe abake bahlala kuwo ukusukela kwiminyaka yobudala eli 18 kunye nezabo bonke abantwana abaxhomekeke kuye abaneminyaka yobudala eli 18 okanye nangaphezulu abayakubanaye ngelixa eseMzantsi Afrika.
Iingxelo zonyango neze-eksreyi. Yona ingxelo ye-eksreyi ayiyomfuneko kubantwana abangaphantsi kweminyaka eli 12 nakwabasetyhini abakhulelweyo.
o Isithembiso esibhaliweyo esivela kumqashi, apho amkela uxanduva lweendleko ezayamene nokufuduswa komenzi-sicelo kunye nabo baxhomekeke kuye ukuba kuyimfuneko. Ukubangaba umqashi lisebe likarhulumente kwaye akanako ukuthi thaca esi sithembiso sibhaliweyo sixeliweyo, ilizwe elithumelayo lingathi thaca eso sithembiso egameni lalo mqashi.
o Iincwadi eziphathelelene nobume bomtshato, ingxelo ebhaliweyo nefungelweyo yobulingane okanye abantwana abasaxhomekeke kubazali ngokwasemthethweni ukubangaba umenzi-sicelo uyakukhatshwa ngumlingane kunye nabantwana abaxhomekeke kubo.
o Isatifiketi sokugonyelwa i-yellow fever ukubangaba uya okanye uneenjongo zokusuka okanye ukunqumla kummandla apho i-yellow-fever ixhaphake khona.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002 , as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha lisisigxina.

Entla

Iindleko

R 425

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for temporary residence permit BI-1738 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


