﻿
Isicelo sephepha lemvume  yokufunda
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iphepha lemvume  yokufunda yincwadi enika abantu abaphuma kumazwe angaphandle ilungelo lokufunda kulo naliphina iziko lemfundo ephakamileyo eMzantsi Afrika. Afake isicelo ngokwakhe kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko eliMele uMzantsi Afrika.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Agcwalise ifom yesicelo ekuthiwa yi-BI-159.
Aveze:

incwadi egunyazisiweyo okanye ubungqina bokubhaliswa obusuka kwiziko lemfundo elibhalisiweyo laseMzantsi Afrika
iinkcukacha malunga nendawo yokuhlala elungisiweyo
ubungqina beemali ezaneleyo zokuhlawula iimali zokufunda, ukulungiswa kunye nezinye iindleko
isatifiketi sokubamsulwa esiphuma emapoliseni ngokuphathelelene namazwe abekade ehlala kuwo kumathuba angaphezulu konyaka. Esi satifiketi kufuneka sithiwe thaca kwisithuba seenyanga ezilishumi elinesibini kwenziwe isicelo ukubangaba asifumaneki kwamsinyane
ikopi yetikiti lomoya eliyiritheni okanye isiqinisekiso sokubuyiselwa ekhaya esiluhlobo lwedipozithi elingana nendleko yetikiti lomoya eliya kwilizwe avela kulo okanye ahlala kulo, ukuba kuyimfuneko
incwadi kagqirha engqina ukuba umenzi-sicelo usempilweni entle.


Abenzi-zicelo abanakungena eMzantsi Afrika phambi kokuba izicelo zabo zivunywe.

Abenzi-zicelo abanezicelo ezivunyiweyo banikwa i-visa evumela ukuba bangena-ngene kaninzi.

Abantu abasephantsi kwabazali mabathi thaca iinkcukacha zomntu waseMzantsi Afrika oyakubangumntu obamelayo. Ezi nkcukacha mazithiwe thaca nencwadi evumayo, ubungqina obuvela kubazali bobabini bemvume yeli xesha kujongwe ukuba lihlalwe, okanye obuvela kumzali onguye yedwa ogcina umntwana ndawonye nobungqina bokugcinwa ngumzali omnye.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Iiveki ezisibhozo.

Entla

Iindleko

R425

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



, BI-159 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


