
Isicelo sokubhalisa isiza njengeziko lwezolimo ngenjongo yokuqokelela impahla yofuzo 
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Isiza apho impahla yofuzo  iqokelelwa, ihlolwe, ihlelwe, ipakwe, ifakwe iileyibhile, igcinwe yaye ithengiswe khona, singabhaliswa njengeziko xa:

amalungiselelo amiselweyo efumaneka kwisiza esinjalo
imisebenzi yobuchwepheshe kwisiza esinjalo, efana nonakekelo lwezilwanyana ezigcinwe apho, ukuqokelela, ukuhlola, ukuhlela, ukupakisha, ukwenza iileyibhile nogcino lwempahla yofuzo, ilawulwa nokongamelwa ngumntu owanelisa iimfuno ezimiselweyo
isiza sisanelisa ezinye iimfuno ezingamiselwa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifomu yesicelo kwi-inthanethi uze uyizalise ngeekopi ezintathu. Ifomu kananjalo ingacelwa ku-Registrar of Animal Improvement .
Izicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo ziya kuphindiswa kumenzi wesicelo yaye akukho xanduva luya kwamkelwa malunga nakuphi na ukuphazamiseka okunokwenzeka.
Qhoboshela amaxwebhu alandelayo kwifomu:

iikopi ezimbini zesicwangciso sesiza esichaphazelekayo nezicwangciso zomhlaba ngokunzulu
intlawulo emiselweyo yesicelo ngetsheki ehlawulwa ku-: The Director-General: Agriculture.



Intlawulo yesicelo ingahlawulwa kwi-akhawunti elandelayo yebhanki:
Standard Bank
Branch: Arcadia
Account no: 011219556
Branch code: 000845/010845
Thumela ku-:
The Registrar of Animal Improvement
Private Bag X138
Pretoria
0001

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Improvement Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Alikho ixesha elibekiweyo malunga nale nkonzo, kwezinye iimeko iqala ngokwamkelwa kwezincwangciso phambi kokuba kumiswe izakhiwo.

Entla

Iindleko

R3 833

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for registration of premises as a centre 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


