﻿
Isicelo sokubhalisela irhafu yabaqeshwa 
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abaqeshi kufuneka batsale iRhafu yeNgeniso yakho engu- Pay As You Earn  okanye irhafu yabaqeshwa kuloo ntlawulo yomqeshwa ilungele ukutsalwa, qho ngenyanga okanye ngeveki okanye emva kweeveki ezimbini.

Le mali ixhuzulwayo ibalwa ngokusebenzisa uluhlu lodweliso lweemali ezirhafelwayo olukhutshwa yi-SARS. Irhafu yomqeshwa kufuneka yahlulelwe i-SITE ne-PAYE.

I-SITE luhlobo lwerhafu yomqeshwa ebandakanyeka kuphela kwintlawulo yomvuzo osalayo emva kokuxhuzulwa kwento yonke ukuya kufikelela kwi R60 000. I-SITE iqulungqwa ekupheleni kwethuba lerhafu, kwaye ingamela kuphela inxenye yerhafu yomqeshwa apha enyakeni.

Imali esalayo  yerhafu yomqeshwa emva kokuqulungqwa kwenxenye ye-SITE, ndawonye nerhafu yomqeshwa kwintlawulo yomvuzo engafakwanga kumvuzo osalayo emva kokuxhuzulwa kwento yonke, imele i-PAYE.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa isicelo sokubhalisa  efumaneka kwii-ofisi zeebhrentshi ze-SARS ezikwiindawo zabahlali.
Iinkampani nenkampani zabantu abambalwa zabucala  ezingabhaliswanga njengangoku kwi-SARS ukulungiselela irhafu yabaqeshwa, kufuneka zibhalise kwangexesha ukuze zihlawule irhafu yabaqeshwa kwabo baqeshwa bakulungeleyo oku.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application to register for employees tax, EMP101e 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


