
Isicelo Sokubhalisa Ikhaya Labadala
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo yeyabantu okanye imibutho efuna ukubhalisa ikhaya labantu abadala.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom lesicelo e ofisini Yezophuhliso Lezasekuhlaleni ekufuphi nawe.
Gcwalisa isicelo phambi komsebenzi e ofisini Yezophuhliso Lezasekuhlaleni.
Xa unikezela iscelo,fumana I risithi uyilondoloze njengesiqinisekiso sokufaka isicelo.
Xa singaphumelelanga isicelo sakho uzakwaziswa nge ncwadi ngezizathu zokungaphumeleli kwesicelo.
Ukuba awaneliseki sisigqibo esithatyathiwe, faka isibheno kuMphathiswa weZophuhliso laseKuhlaleniokanye I Member ye Executive Council , unike izizathu zokunganeliseki kwakho.
Faka isibheno zingekapheli intsuku ezingamashumi alithoba  usakuba ufumenene iziphumo zesicelo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Older Persons Act, 2006  
Aged Persons Amendment Act, 1998  
Aged Persons Act, 1967  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iiveki ezine ukuphonononga isicelo.
Unontlalontle umema bonke abadla indima kuphononongo lwezicelo njengo nempilo nabaseburhulumenteni apha ekuhlaleni ukuba baphande ngendawo abazakuhlaliswa abantu abadala.
Ngamnye ngamnye Kwabadlala indima kuphononongo lwezicelo,uza kwenza uxwebhu le ngxelo ngakufumanisile.
Iingxelo zabo zithunyelwa e ofisini eyeCandelo lezoPhuhliso zaseKuhlaleni.

Entla

Iindleko

Indleko zobhaliso zixhomekeke ebukhoneni bemithombo yoncedo, futhi kwahluka nangokwa maphondo.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ama fom afumaneka ofisini ekufuphi nawe yeCandelo leZophuhliso laseKuhlaleni.

Akubhatalelwa ukuhlolwa kwekhaya labadala.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


