
Isicelo sokubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umtshato wesiko lesiqhelo ungabhaliswa ngokoMthetho wokuVunywa kweMitshato yeSiko leSiqhelo . Akukhathaliseki nokuba wawutshate ninina. Kwiimeko apho omnye omlingane ebhubhile, lo mlingane usaphilayo angawubhalisa lo mtshato. Ubhaliso lungenziwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Kufuneka kubekho amangqina amabini akwaziyo nanegunya lokungqina.

Qonda ngobume bakho bomtshato kwi online.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom ekuthiwa yi BI-1699 kunye ne BI-130.
Abatshati kunye namangqina kufuneka bakhuphe iincwadi ezisebenzisekayo zezazisi.
Hambisa ubungqina bothetha-thethwano ngomtshato .
Igosa elibhalisayo, liyakugcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-1699 ukubangaba lanelisekile ukuba ukho umtshato wesiko lesiqhelo.
Kwiimeko apho ugxa oyindoda kumtshato wesiko lesiqhelo enqwenela ukungenela omnye umtshato wesiko lesiqhelo, kufuneka anxulumane neNkundla ePhakamileyo ukuze afumane umyalelo oyakugqalisela inkqubo yakhe yempahla nezinto zasemtshatweni.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Recognition of Customary Marriages Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isatifiketi somtshato esifinyeziweyo: Sikhutshwa kwangoko.
Isatifiketi somtshato esingafinyezwanga: Sithabatha iiveki ezi 6 ukuya kwezisi 8.

Entla

Iindleko

Isatifiketi somtshato esifinyeziweyo: R11
Isatifiketi somtshato esingafinyezwanga: R53

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Marriage register, BI-130  umtshato, ekuthiwa yi BI-130)
Application for registration/Enquiry into existence of customary marriage, BI-1699 

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.



Entla

Iinkcukacha zonxulumano


