

Isicelo sokulungisa iinkcukacha eziphazamekileyo kwincwadi yakho yesazisi

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abantu baseMzantsi Afrika abaneencwadi zezazisi ezineempazamo bangenza izicelo zokuzilungisa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Izicelo zingenziwa nakwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko lobuMeli beli lizwe ukubangaba isicelo senziwa kwilizwe langaphandle.

Iimpazamo ezidla ngokufunyanwa kwiincwadi zezazisi, kwaye umenzi-sicelo anganqwenela ukuzilungisisa, zibandakanya ezi zilandelayo:

igama elingachanekanga kunye nefani okanye ifani engachanekanga
ifoto engeyiyo
i-adresi engachanekanga
umhla wokuzalwa ongachanekanga
isini  esingesiso.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa iifom zesicelo ekuthiwa zii BI-9, BI-526 kunye ne BI-309 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko lobuMeli beli lizwe ukubangaba ukwilizwe langaphandle.
Khupha ubungqina benkcazelo echanekileyo, umzekelo, isatifiketi sokuzalwa, isatifiketi sokuphehlelelwa, incwadi yesikolo okanye isatifiketi sokubeleka.
Hambisa nesicelo sakho iifoto ezimbini ezilingana kwi-ID.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Identification Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ingathabatha iiveki ezi 4 ukuya kwezi 6.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for an amendment, BI-526 
Application for identity document, BI-9 
Application for re-issue of identity document, BI-10 
Application for the rectification of personal particulars, BI-309 

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


