

Isicelo sokutshintshelwa iinkcukacha ze-adresi yakho kwiNcwadi yeLizwe yokuBhalisa iNani neeNkcukacha zaBantu

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abemi baseMzantsi Afrika okanye abantu abaneepemethe zokuhlala isigxina kweli abafuna ukutshintsha ii-adresi zabo zokuhlala okanye zokuposa kwiNcwadi yeLizwe yokuBhalisa iNani neeNkcukacha zaBantu, bangenza izicelo kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Izicelo zingenziwa nakwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Bhala incwadi, kwaye uyithumele ngefeksi okanye uyiposele kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya.
Kungenjalo, gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi-BI-4 kwaye ufake ikopi yencwadi yakho yesazisi.
Khupha incwadi yesazisi  esebenzisekayo nenomqukumbelo yaseMzantsi Afrika okanye isatifiketi sokuzalwa xa usenza isicelo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Identification Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiiveki ezi 2.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Notice of change of address, BI-4 

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


