﻿

Isicelo sokwazisa ngokubhubha


Inkcazelo 

Isatifiketi sokubhubha ngumqulu ogunyazisiweyo okhutshelwa ifemeli yomntu obhubhileyo xa kubhaliswe ukubhubha. Xa umntu welizwe langaphandle ebhubhele eMzantsi Afrika, ingxelo igcinwa kuvimba weengxelo kwaye ifemeli yakhe inikwa isatifiketi esipheleleyo. Kungenziwa izicelo kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya okanye kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezaseKhaya 

Inkqubo emayilandelwe 

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-132.
Bhala incwadi enazo zonke iinkcukacha zomfi, uze uyiposele kwi-ofisi yezeKhaya ekufuphi kuwe ukubangaba akukho ofisi yezeKhaya kummandla ohlala kuwo.

Akukho mngcwabo uyakuqhubeka ungekho umyalelo wokungcwaba. Umyalelo wokungcwaba sisatifiketi esinika igunya lomngcwabo kunye nokususwa kwesidumbu kummandla umfi abhubhele kuwo sisiwe kummandla ekuyakungcwatyelwa kuwo. Umyalelo wokungcwaba ungakhutshwa:

Sisitafu esigunyazisiweyo sezeKhaya,
Ngamalungu eNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika ekuthiwa yi-South Africa Police Services , okanye
Liziko labangcwabi eligunyaziselwe ukukhupha imiyalelo yokungcwaba.

Umthetho osetyenziswayo

Births and Deaths Registration Act, 1992  UMthetho wokuBhaliswa kokuZalwa nokuBhubha

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isatifiketi esifinyeziweyo: Sikhutshwa kwakube kubhaliswe ukubhubha.
Isatifiketi esingafinyezwanga: Isicelo singathabatha iiveki ezisi 8 ukuya kwezili 12.

Iindleko 

Isatifiketi esifinyeziweyo: R10
Isatifiketi esingafinyezwanga: R45

Iifom ezigcwaliswayo

Application for a death certificate, BI-132 
Burial order, BI-14 

Iinkcukacha zonxulumano






