
Isicelo sokutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo     


Inkcazelo 

Umtshato wesiko lesiqhelo ungenelwa phantsi komthetho wesiko lesiqhelo. Xa umyeni etshate umfazi phantsi komthetho wentlalo yabemi, aze agqibe ekubeni atshate abanye abafazi, aba bafazi bangabanye bayakuvunywa phantsi komthetho wesiko lesiqhelo.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi Sebe lezaseKhaya 

Inkqubo emayilandelwe 

Umtshato kufuneka kuthetha-thethwane ngawo, kuvuyiswane ngawo kwaye ungenelwe ngokuhambisana nomthetho wesiko lesiqhelo.
Abenzi-zicelo abahlala kwimimandla yasezilalini kufuneka bakhuphe incwadi evela kwinkokheli yemveli.
Abenzi-zicelo abahlala kwimimandla yasezidolophini kufuneka bakhuphe incwadi ebhaliweyo nefungelweyo .
Ukuze umtshato uqhubeke, abatshati kunye namangqina aphuma kwifemeli nganye, kufuneka babekhona.

Umthetho osetyenziswayo 

The Recognition of Customary Marriages Act, 1998  UMthetho wokuVunywa kweMitshato yeSiko leSiqhelo

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isatifiketi esifinyeziweyo: sikhutshwa kwangoko
Isatifiketi esingafinyezwanga: iiveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo

Iindleko

Isatifiketi esifinyeziweyo: R10
Isatifiketi esingafinyezwanga: R45



Iifom ezigcwaliswayo



Isicelo sesatifiketi somtshato / somtshato wesiko lesiqhelo, ekuthiwa yi BI-130 



Iinkcukacha zonxulumano 


