

Isicelo sokuguqula iifani zabantwana abangekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umzali angenza isicelo sokuguqula iifani zomntwana ongekabinalungelo lokuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni, ukubangaba:

lo mntwana wazalelwa ngaphandle komtshato kwaye umama wakhe utshate omnye umntu ongenguye uyise ozele lo mntwana
umtshato notata womntwana uchithiwe ngokoqhawulo lomtshato  okanye ngenxa yokubhubha, kwaye umama uphinde watshata
njengomhlolokazi okanye umntu oqhawule umtshato, umama wakhe ubuyele kwifani yaphambi komtshato okanye kwifani yomtshato wangaphambili
ukuzalwa komntwana owazalelwa ngaphandle komtshato kubhaliswe phantsi kwefani yotata wakhe omzeleyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-193 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika, ukubangaba ukwilizwe langaphandle.
Veza imvume ebhaliweyo evela kulo myeni umntwana azakusebenzisa ifani yakhe.
Ukuze kuguqulwe , iyafuneka imvume ebhaliweyo evela kubazali bobabini, ndawonye nezizathu ezaneleyo, ezibhaliweyo.
Iyafuneka imvume ebhaliweyo yotata ozele lo mntwana, ngaphandle kokuba isuselwe ecaleni yinkundla enamandla negunya lokwenza njalo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Identification Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha iiveki ezi 4 ukuya kwezi 6.

Entla

Iindleko

R58

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Change of surname of a minor, BI-193 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


