
Isicelo sokuphinda unikwe incwadi yesazisi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Incwadi yesazisi  yincwadi eyazisa nengqina ngomntu. Inikwa abemi baseMzantsi Afrika okanye abantu abaneepemethe zokuhlala isigxina kweli lizwe abaneminyaka eli 16 nangaphezulu.

Incwadi yesazisi iyaphinda inikwe kwaba bantu balandelayo:

Abantu abaneencwadi zezazisi ezilahlekileyo, ezibiweyo okanye ezionakeleyo.
Abatu abenz aizicelo zokuba kuguqulwe iinkcukacha ngobuqu babo.
Abantu abaguqukelwe ziimeko zobumi.
Abasetyhini abangene kubume bomtshato okanye abangathanda ukubuyela kuyo nayiphina kwiifani zabo zangaphambili.
Abantu abahlala kumazwe angaphandle ixeshana elifutshane kodwa ababekade benayo incwadi yesazisi ngaphambili.
Abangeni kweli lizwe abanepemethe esebenzisekayo yokuhlala isigxina kweli lizwe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-9 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.
Khupha isatifiketi sokuzalwa okanye incwadi yakudala yerefrensi eyakhutshwa phambi komhla we 1 Julayi 1986.
Hambisa iifoto ezimbini ezilingana kwincwadi yesazisi.
Nyathelisa iminwe  ukuze ifakwe kuvimba woBhaliso lweNani neeNkcukacha zaBantu.
Khupha isatifiketi somtshato ukubangaba utshatile.
Owasetyhini owenza isicelo sencwadi yesazisi kwaye enqwenela ukuphinda abuyele kuyo nayiphina ifani kwiifani awayekade ezibiza ngazo, makathi thaca ubungqina bokuba uvumelekile asebenzise loo fani.
Umntu ongumngeni kweli lizwe owenza isicelo sencwadi yesazisi makafake kwesi sicelo ipemethe yokuhlala isigxina, isatifiketi sokwamkelwa njengommi emva kokuhlala ixesha elithile okanye isatifiketi somnyenyevu wokungafunwa pemethe.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Identification Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiiveki ezisi 8.

Entla

Iindleko

R16

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Application for re-issue of an identity document, BI-9 
Application for identity document, BI-10 

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


