

Isicelo soMhlaba weZolimo woMbuso

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

UMhlaba weZolimo oleleyo woMbuso uyaqeshiswa ngeenjongo zolimo ngokunika okanye ngokunganiki ithuba lokukhetha ukuwuthenga, kuxhomekeke kubume balo mhlaba . Izivumelwano zokuqeshisa ezinika ithuba lokuthenga ziyahlaziyeka qho emva kweminyaka emithathu.

ISebe lelizwe leZolimo linoxanduva lokuphembelela ulawulo olufezekisayo nokuhanjiswa komhlaba weZolimo woMbuso owafunyanwa ngokweBhodi yeMboleko yeZolimo ekuthiwa yi-Agricultural Credit Board  land).

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Xa umhlaba wezolimo woMbuso ulungele ukuqeshiswa, iSebe leZolimo liyazisa ngawo ngokuwu-advethayiza ngokwezaziso kwiindawo ezibonakala kakuhle kwingingqi, ezifana nee-ofisi zoomantyi, izikhululo zamapolisa nakumaphephandaba.
Yenza isicelo kulo mntu uxelwe kwisaziso.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Land Administration Act, 1995  
State Land Disposal Act, 1961  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

UManejala oMkhulu wokuHlaliswa kwaMafama kwiSebe lelizwe leZolimo uhambisa incwadi yokuqasha impahla ye-FALA yakube ivunyiwe nguMphathiswa weZolimo neMihlaba.

Entla

Iindleko

Irenti iqulungqwa ngokusebenzisa indlela yokubala  esekelwe kwixabiso eligcweleyo lomhlaba.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for settlement on state land 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


