

Isicelo sokuphinda ubengummi waseMzantsi Afrika

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Nawuphina umntu owayeke wabangummi, ngokuzalwa okanye ngokomnombo, owathi wabuyeka ubumi baseMzantsi Afrika okanye obu bumi baseMzantsi Afrika baziphelela ngokwabo, angenza isicelo sokuphinda abengummi waseMzansti Afrika.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa iifom, ekuthiwa yi BI-175 kunye ne BI-529 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya
Gcwalisa ifom BI-9 kwaye ukhuphe iiphoto ezimbini zakutshanje ezilingana kwi-ID.
Hambisa incwadi engqina ukuba umenzi-sicelo ngoku uhlala eMzantsi Afrika.
Hambisa ikopi yencwadi yesazisi yomenzi-sicelo.
Hambisa ikopi yesatifiketi somtshato, ukuba oko kuyabandakanyeka.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Citizenship Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha iiveki ezi 6 ukuya kwezisi 8.

Entla

Iindleko

Ukuphinda ubengummi: R128
Incwadi yesazisi: R16

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for resumption of South African citizenship, BI-175 

Determination of South African citizenship status, BI-529 

Application for an identity document, BI-9


Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


