
Isicelo sokunikwa enye ipaspoti xa obunayo ilahlekile okanye ibiwe
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umntu olahlekelwe okanye obelwe ipaspoti ebenayo angenza isicelo sokunikwa entsha.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Izinto eziyimfuneko ukuze ufumane enye ipaspoti endaweni yaleyo ilahlekileyo okanye ibiweyo :

khupha incwadi yesazisi okanye isatifiketi sokuzalwa esingafinyezwanga ukuze wenze isicelo
gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-73 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko eliMele uMzantsi Afrika ukubangaba ukwilizwe langaphandle
nyathelisa iminwe  ukuze ifakwe kuvimba woBhaliso lweNani neeNkcukacha zaBantu
khupha iifoto ezimbini ezilingana kwipaspoti.

Izinto eziyimfuneko ukuze ufumane enye ipaspoti yomntwana endaweni yaleyo ilahlekileyo okanye ibiweyo:

gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-73 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko eliMele uMzantsi Afrika ukubangaba ukwilizwe langaphandle
abazali okanye abalondolozi basemthethweni kufuneka bakhuphe ikopi yesatifiketi somntwana esingafinyezwanga, ndawonye neencwadi zabo zezazisi
khupha iifoto zomntwana ezimbini ezilingana kwipaspoti
abantwana abaneminyaka yobudala engaphantsi kwe 16 abayinyatheliswa iminwe .


Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Passports and Travel Documents Act, 1994  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiiveki ezi 6.

Entla

Iindleko

Lost or stolen maxi passport : R704
Lost or stolen tourist passport : R352
Lost or stolen child passport : R266

Double the current tariff for the document concerned: Provided that where the document had been lost/stolen/ damaged through no negligence on the part of the holder, only the normal fee will be payable.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



BI-73 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


