
Isicelo sokulahla ubumi baseMzantsi Afrika
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abantu baseMzantsi Afrika abajonge ukwenza izicelo zobumi belinye ilizwe elingabuvumeliyo ubumi bamazwe amabini, kufuneka benze isicelo sokulahla ubumi baseMzantsi Afrika. Oku kuthetha ukuba uyakuyeka ukubangummi waseMzantsi Afrika ukusukela ekuvunyweni kwesicelo sakho. Abantwana abangekabinalungelo lokuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni bayakuyeka ukubangabemi baseMzantsi Afrika, ngaphandle kokuba omnye wabazali usengummi waseMzantsi Afrika.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-246, iBI-529 kunye ne BI-9 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba uhlala kwilizwe langaphandle.
Hambisa zonke iincwadi zezazisi zaseMzantsi Afrika  kwi-ofisi yezeKhaya, kwindlu yozakuzo okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika.
Khupha iifoto ezimbini ezilingana kwi-ID.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Citizenship Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ithabatha iiveki ezisi 8 ukuya kwezili 12.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Determination of South African citizenship status, BI-529 
Renunciation of South African citizenship, BI-246 
Application for an identity document form, BI-9 

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


