﻿
Yenza isicelo sokubhalisa izichumisi ezikuHlelo 1
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Zonke izichumisi  ezingeniswa kweli ziphuma kwamanye amazwe, ezenziwa, eziveliswa okanye ezithengiswa eMzantsi Afrika kufuneka zibhaliswe kuMphathi woBhaliso loMthetho 36 ka 1947 .

Umenzi-sicelo kufuneka abengumntu ongummi ngokwasemthethweni, umzekelo: John Peter Citizen T/A Diepsloot Stud.
Inkampani yelizwe laphesheya ayinakwenza sicelo sokubhalisa eMzantsi Afrika. Isicelo sokubhalisa izichumisi singenziwa kuphela yinkampani ebhaliswe kweli lizwe, ummi weRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, okanye iqumrhu elisemthethweni elibhaliswe eMzantsi Afrika.

Izichumisi ezikuHlelo 1  zezo zine-nitrogen, i-phosphorus okanye i- potassium njengezona zithako ziphambili, yaye zikwabizwa ngokuba zii-anorganic fertilizers.

Ubhaliso luyakwenziwa xa ngaba ngexesha lokubhaliswa kwenzeka ezi zinto zilandelayo:

izinto eziqulathwe sisichumisi esibandakanyekayo azohlukanga kweziya sele zibhalisiwe
iinkcukacha kunye namagama asetyenzisiweyo avunyiweyo wemibhalo yokuphawula okuqulathiweyo okanye inkonkxa akayi kutshintshwa ngaphandle kokuba kuqale kufunyanwe imvume ebhaliweyo esuka kuMphathi woBhaliso 
imiqathango ebekwe ngexesha lobhaliso iyalandelwa
ubhaliso olubandakanyekayo aluyi kugqithiselwa
ubungakanani beebhegi neenkonkxa abunakuguqulwa ngaphandle kokuba kuqale kufunyanwe imvume ebhaliweyo esuka kuMphathi woBhaliso.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Isicelo sokubhaliswa kokutya kwemfuyo yasefama kunye nezichumisi siqulathe ezi zinto zilandelayo incwadi yangaphezulu esuka kumntu obhalisileyo okanye ummeli otyunjiweyo. Incwadi yangaphezulu kufuneka ibandakanye ezi zinto zilandelayo:

igama lemveliso
inombolo yobhaliso ukubangaba imveliso seyibhalisiwe
isizathu sokufaka isicelo 
iincwadi zokuvuma ukubangaba kufuneka imvume ephuma kumntu obhalisileyo 
intlawulo yesicelo echanekileyo
iitshekhi ezithunyelwe ngokwahlukeneyo kwisicelo mazikhatshwe yincwadi echazayo 
iphepha loqulungqo.

Hambisa ifom yesicelo kwizicelo ezintsha nakwezolungiso kubhaliso olukhoyo, kubandakanywa ukutshintsha uqulungqo. Hambisa iifom zesicelo kwizikhutshelo zamaphepha amabini u gcwalise iifom ngokupheleleyo, ungabhekisi kwizicelo zangaphambili, iinombolo zamaphepha okanye ezinye iimveliso .
Umntu otyunjwe ngokwasemthethweni, ekufuneka ngokukhethekayo abengumntu wonxulumano loMphathi woBhaliso kwinkampani, makasayine iifom zesicelo.
Igama nenombolo yobhaliso yemveliso mayisetyenziswe njengoko kungqaliwe kwisatifiketi sobhaliso. Naluphina utshintsho kwigama, nokuba luncinane kangakanani na, luyakuthathwa ngokuba sisilungiso.
Thumela iifom zesicelo kwi-ofisi yolawulo. Ukusa izicelo kuBacebisi boBuchwepheshe kuyakulibazisa inkqubo.
Imibhalo engekagqitywa  yokuphawula okuqulathiweyo:

yihambise ngezikhutshelo zamaphepha amabini
yihambise nge-English nange-Afrikaans. Akukho mfuneko yokushicilela imibhalo yokuphawula okuqulathiweyo ngazo zombini ezi lwimi
kufuneka ifundeke ngokucacileyo, kwaye ibhalwe ngokobume obuchanekileyo
ungazifaki iinombolo kwizilumkiso neengqalelo zokuhlab'ukhangele
zonke iinkcukacha ezikwimibhalo yokuphawula okuqulathiweyo mazingqamane nqo nezo zikwifom yesicelo.

Thumela isicelo sakho kunye nentlawulo kuMphathi woBhaliso lomThetho 36 ka 1947 .

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Fertilizers, Farm Feeds, Agricultural Remedies and Stock Remedies Act, 1947  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ubhaliso lwezichumisi lungathabatha iinyanga ezintathu ukuya kwezine.

Entla

Iindleko

R2 420

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for the Registration of a Group 1 Fertilizer 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


