﻿

Isicelo sokubhalisela ukubuyiselwa imali

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo inika inkcazelo malunga nendlela yokubhalisela ukubuyiselwa imali yi-South African Revenue Service. Le mali ibuyiswayo sisaphulelo kwintlawulo yokungenisa impahla nezinto ehlawuleka xa ungenisa impahla nezinto ezithile kweli lizwe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Umenzi-sicelo, hayi umntu wesithathu, kufuneka ibenguye ogcwalise ifom yesicelo , kungenjalo isicelo asiyi kuqwalaselwa.
Kwicandelo  elithi Client Types , khangela ibhokisi yokuhlola iMali eBuyiswayo, kwicandelo lobhaliso.
Kwicandelo elithi Trading particulars  , kufuneka uchaze:

igama lokurhweba leshishini lakho
igama nenombolo yesitalato seshishini elibuyiselwayo
igama kunye nenombolo yomgangatho wesakhiwo ekuqhutyelwa kuso eli shishini
ummandla wedolophu elimi kuwo ishishini
isixeko okanye idolophu elimi kuyo ishishini
ikhowudi yesitalato sommandla wedolophu elimi kuwo ishishini.

Icandelo elithi Authority to apply , maligcwaliswe ngumenzi-sicelo  xa usenza isicelo sokuba ngumsebenzisi wokubuyiswa kwemali.
Igama lomenzi-sicelo okanye igama lobhaliso lweshishini, hayi igama lorhwebo, kufuneka liboniswe kweli candelo.
Apho kubonakala khona inkwenkwezana ekuthiwa yi-asterisk (), susa nayiphina efaneleke njalo.
Kwicandelo elithi Rebate Store particulars , kufuneka unike:

inkcazelo yempahla nezinto eziyakugcinwa kwishishini lokubuyiselwa imali
izinga lemirhumo yentlawulo okanye imiba yempahla nezinto ezingeniswayo eziyakugcinwa kwishishini lokubuyiselwa imali
imiba yokubuyiselwa imali phantsi kwamanani oludwe lwenkqubo yesi 3, 4, 5 kunye neyesi 6
inkcazelo yemveliso engeniswa kweli lizwe okanye impahla nezinto ezingeniswa kweli lizwe.

Kwicandelo le Declaration , kufuneka ufake:

oonobumba bamagama okuqala kunye nefani yomntu owenza isicelo sokunikwa ilayisensi
isikhundla somntu owenza isicelo, umzekelo, UMqondisi, uManejala, uMnikazi
lo mntu wenza isicelo kufuneka atyikitye  ifom yesicelo
umhla esisayinwe ngawo esi sicelo
indawo esisayinelwe kuyo esi sicelo.

Umenzi-sicelo makase ifom egcwalisiweyo kwi-ofisi ekufuphi yeMirhumo yeMpahla eNgena eLizweni kunye neRhafu yeMpahla neZinto kunye neeLayisensi ezithile, ye-South African Revenue Services.
Nceda ufake iikopi eziluqobo lwazo okanye eziqinisekisiweyo zale miqulu ilandelayo:

isatifiketi sobhaliso lweshishini njengoko sikhutshwe nguMphathi woBhaliso lweeNkampani okanye iNqununu yeNkundla ePhezulu kwimeko yeQumrhu lokuGcina ngeNtembeko
isindululo okanye imvume okanye elinye igunya njengoko kubandakanyeka
iphepha lemvume  yeSebe lezoRhwebo naMashishini ukuba iyabandakanyeka
iindlela zokubala ukubangaba wenza isicelo phantsi komba wokubuyiselwa imali ku 607.04.10, 607.04.10, 607.04.10 naku 607.04.10
iincwadi zezazisi xa umntu enguMmi waseMzantsi Afrika okanye iincwadi zePaspoti xa umntu engahlali kweli lizwe:

kumntu ubuqu bakhe
kooGxa beNtsebenziswano kwiQumrhu eliNgavulelekanga neQumrhu lokuGcina ngeNtembeko – Onke aMalungu/ooGxa beNtsebenziswano/ aMalungu aPhathiswe iQumrhu ngeNtembeko
KwiNkampani – Bonke abaqondisi, kubandakanywa uMqondisi oLawulayo kunye noMqondisi weZemali.



Entla

Umthetho osetyenziswayo

Customs and Excise Act, 1964  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

UMqulu weNkonzo  we-SARS ubonisa imigangatho yenkonzo eyakufakwa ngaku 2007.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Security particulars, DA 185C
Licensing/Registration of custom and excise clients, DA185
Registration client type - Rebate User, DA185.4A3

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


