﻿

Isicelo sokubhalisela ukubangumngenisi wempahla nezinto ezithile elizweni

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo inika inkcazelo malunga nendlela yokubhalisela ukubangumngenisi wempahla nezinto ezithile elizweni, kwi-South African Revenue Service .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Le fom yesicelo kufuneka igcwaliswe ngumenzi-sicelo, hayi umntu wesithathu - kungenjalo isicelo asiyi kuqwalaselwa.
Nceda ubhekise kwisikhokelo sesicelo ukuze sikuncede ngenkqubo yelayisensi.
Kwicandelo elithi Client Types 

khangela ibhokisi yokuhlola yoMngenisi wempahla, phantsi kobhaliso.

Kwicandelo elithi Importer Particulars (IiNkcukacha zoMngenisi wempahla nezinto ezithile eLizweni, chaza

igama lokurhweba leshishini lakho
igama nenombolo yesitalato seshishini
igama kunye nenombolo yomgangatho wesakhiwo eliqhutyelwa kuso eli shishini
ummandla wedolophu elimi kuwo ishishini
isixeko okanye idolophu elimi kuyo ishishini; kunye
ikhowudi yesitalato sommandla wedolophu elimi kuwo ishishini
ngubani oyakubanoxanduva lokubhala nokuthumela imiqulu kwi-South African Revenue Service; kunye nokuba
ingaba nguwe oyakubhala kwaye athumele le miqulu, okanye ingaba kuyakutyunjwa i-eyijenti ukuze yenze oku, na.

Icandelo elithi Authority to Apply  maligcwaliswe ngumntu  owenza isicelo sokubhalisela ukubangumngenisi wempahla nezinto ezithile elizweni.

Igama lomenzi-sicelo okanye igama lobhaliso lweshishini, hayi igama lorhwebo, kufuneka liboniswe kweli candela.
apho kubonakala khona inkwenkwezana ekuthiwa yi-asterisk (), susa nayiphina efaneleke njalo.

Kwicandelo le Declaration , faka oku kulandelayo:

oonobumba bamagama okuqala kunye nefani yomntu owenza isicelo sokunikwa ilayisensi.
isikhundla somntu owenza isicelo, umzekelo, uMqondisi, uManejala, uMnikazi
lo mntu wenza isicelo kufuneka atyikitye  ifom yesicelo
umhla esisayinwe ngawo esi sicelo
indawo esisayinelwe kuyo esi sicelo

Gcwalisa ifom yesicelo uze uyise kwi-ofisi ekufuphi yeMirhumo yeMpahla eNgena eLizweni kunye neRhafu yeMpahla neZinto kunye neeLayisensi ezithile, ye-South African Revenue Service.
Faka iikopi eziluqobo lwazo okanye eziqinisekisiweyo zale miqulu ilandelayo:

isatifiketi sobhaliso lweshishini njengoko sikhutshwe nguMphathi woBhaliso lweeNkampani okanye iNqununu yeNkundla ePhezulu kwimeko yeQumrhu lokuGcina ngeNtembeko.
isindululo okanye imvume okanye elinye igunya elibandakanyekayo.
iphepha lemvume  yeSebe lezoRhwebo naMashishini ukuba iyabandakanyeka
iindlela zokubala ukubangaba wenza isicelo phantsi komba wokubuyiselwa imali ku 607.04.10, 607.04.10, 607.04.10 naku 607.04.10
iincwadi zezazisi xa umntu engummi waseMzantsi Afrika
imiqulu yepaspoti kwimeko yomntu ongahlali kweli lizwe

umntu ubuqu bakhe
oogxa bentsebenziswano kwiqumrhu elingavulelekanga okanye kwiqumrhu lokugcina ngentembeko – onke amalungu, ogxa bentsebenziswano okanye amalungu aphathiswe iqumrhu ngentembeko
inkampani – bonke abaqondisi, kubandakanywa umqondisi olawulayo kunye nomqondisi wezemali.



Entla

Umthetho osetyenziswayo

Customs and Excise Act, 1964  UMthetho weMirhumo yeMpahla eNgena eLizweni kunye neRhafu yeMpahla neZinto kunye neeLayisensi ezithile, wango 1964 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

I-SARS ifake imigangatho yokunika iinkonzo  eyakungeniswa ngokwezigaba kwisithuba seminyaka emibini . Xa ubhalisa okanye uhlawula, i-SARS ijolisa ekubeni iqhubekise ubhaliso lwakho ngokuchanekileyo kwisithuba seentsuku zokusebenza ezingu 21.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Licence/Registration of custom and excise clients, DA185 

Registration client type - Importer, DA 185.4A1 


Entla

Iinkcukacha zonxulumano


