﻿

Isicelo sobhaliso  njengothumela impahla ngaphandle

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo inika inkcazelo malunga nendlela yokubhalisela ukubangumthumeli wempahla nezinto ezithile kumazwe angaphandle, kwi-South African Revenue Service.

Le fom yesicelo kufuneka igcwaliswe ngumenzi-sicelo, hayi umntu wesithathu.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nceda ubhekise kwisikhokelo sesicelo ukuze sikuncede ngenkqubo yelayisensi.
Kwicandelo  elithi Client Types 

khangela ibhokisi yokuhlola yomthumeli wempahla nezinto ezithile kumazwe angaphandle, phantsi kobhaliso.

Kwicandelo elithi Exporter Particulars (Iinkcukacha zomthumeli wempahla nezinto ezithile kumazwe angaphandle, chaza

igama lokurhweba leshishini lakho
igama nenombolo yesitalato seshishini
igama kunye nenombolo yomgangatho wesakhiwo eliqhutyelwa kuso eli shishini
ummandla wedolophu elimi kuwo ishishini
isixeko okanye idolophu elimi kuyo ishishini
ikhowudi yeposi yommandla wedolophu elimi kuwo ishishini
ngubani oyakubanoxanduva lokubhala nokuthumela imiqulu kwi-South African Revenue Service
ingaba nguwe oyakubhala kwaye athumele le miqulu, okanye ingaba kuyakutyunjwa i-eyijenti ukuze yenze oku, na; kwaye
xela ukuba ingaba uyakuthumela impahla nezinto kwi-United States of America phantsi kwesivumelwano se-AGOA na.

Icandelo elithi Authority To Apply  maligcwaliswe ngumntu  owenza isicelo sokubhalisela ukubangumthumeli wempahla nezinto ezithile kumazwe angaphandle kunye nomthumeli ngaphandle we-AGOA okanye umthumeli ngaphandle we-AGOA.

Igama lomenzi-sicelo okanye igama lobhaliso lweshishini, hayi igama lorhwebo, kufuneka liboniswe kweli candelo.
Apho kubonakala khona inkwenkwezana ekuthiwa yi-asterisk (), susa nawuphina umba ofaneleke njalo.

Kwicandelo le Declaration , faka oku kulandelayo:

oonobumba bamagama okuqala kunye nefani yomntu owenza isicelo sokunikwa ilayisensi
isikhundla somntu owenza isicelo, umzekelo, uMqondisi, uManejala, uMnikazi
umntu owenza isicelo kufuneka atyikitye  ifom yesicelo
umhla esisayinwe ngawo esi sicelo
indawo esisayinelwe kuyo esi sicelo.

Gcwalisa ifom yesicelo uze uyise kwi-ofisi ekufuphi yeMirhumo yeMpahla eNgena eLizweni kunye neRhafu yeMpahla neZinto kunye neeLayisensi ezithile, ye-South African Revenue Service.
Faka iikopi eziluqobo lwazo okanye eziqinisekisiweyo zale miqulu ilandelayo:

isatifiketi sobhaliso lweshishini njengoko sikhutshwe nguMphathi woBhaliso lweeNkampani okanye iNqununu yeNkundla ePhezulu kwimeko yeQumrhu lokuGcina ngeNtembeko
isindululo okanye imvume okanye elinye igunya elibandakanyekayo
iphepha lemvume  yeSebe lezoRhwebo naMashishini, ukuba iyabandakanyeka
iindlela zokubala ukubangaba wenza isicelo phantsi komba wokubuyiselwa imali ku 607.04.10, 607.04.10, 607.04.10 naku 607.04.10
iincwadi zezazisi xa umntu enguMmi waseMzantsi Afrika okanye iincwadi zepaspoti xa umntu engahlali kweli lizwe:

umntu ubuqu bakhe
oogxa bentsebenziswano kwiqumrhu elingavulelekanga nakwiqumrhu lokugcina ngentembeko – onke amalungu okanye oogxa bentsebenziswano okanye amalungu aphathiswe iqumrhu ngentembeko
inkampani – bonke abaqondisi, kubandakanywa uMqondisi oLawulayo kunye noMqondisi weZemali.



Entla

Umthetho osetyenziswayo

Customs and Excise Act, 1964  UMthetho weMirhumo yeMpahla eNgena eLizweni kunye neRhafu yeMpahla neZinto kunye neeLayisensi ezithile


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for Registration / Licensing of Customs and Excise Clients, DA 185 
Registration Client Type 4A2 - Exporter, DA 185.4A2 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


