﻿

Isicelo sokubhalisa njengomnikazi-fektri eyenza izinto ezithile phantsi kwe-AGOA

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo inika inkcazelo malunga nendlela yokubhalisa kwi-South African Revenue Service  njengomnikazi-fektri eyenza izinto ezithile phantsi koMthetho waseMerika wokuKhula kunye naMathuba e-Afrika, obizwa ngokuba yi-African Growth and Opportunity Act . Lo Mthetho unika izibonelelo zenkuthazo kumazwe ase-Afrika ukuze aqhubeke ngeenzame zawo zokuvulela imiba yoqoqosho nokwakha iimarike ezikhululekileyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifom yesicelo kwi-website okanye yifumane kwi-ofisi ye-SARS.
Le fom yesicelo kufuneka igcwaliswe ngumenzi-sicelo, hayi umntu wesithathu, kungenjalo isicelo asiyi kuqwalaselwa.
Nceda ubhekise kwisikhokelo sesicelo ukuze sikuncede ngenkqubo yelayisensi.
Kwicandelo elithi Client Types 

khangela ibhokisi yokuhlola yoMnikazi-fektri we-AGOA phantsi kobhaliso.

Kwicandelo elithi Manufacturer for AGOA Particulars (IiNkcukacha zoMnikazi-fektri eyenza izinto ezithile phantsi kwe-AGOA, chaza:

igama lokurhweba leshishini lakho
indawo elimi kuyo elishishini 
igama lesitalato kunye nenombolo yeshishini
ummandla wedolophu elimi kuwo ishishini
isixeko okanye idolophu elimi kuyo ishishini; kunye
nekhowudi yesitalato sommandla wedolophu elimi kuwo ishishini.

Icandelo elithi Authority to Apply  maligcwaliswe ngumnikazi-shishini ozimele yedwa, umqondisi, oogxa bentsebenziswano, ilungu, ilungu eliphathiswe iqumrhu ngentembeko, okanye umntu ophethe ishishini xa usenza isicelo sokubhalisela ukubangumnikazi-fektri ochongekileyo malunga nemirhumo yempahla engena elizweni kunye nerhafu yempahla nezinto kunye neelayisensi ezithile phantsi kwe-AGOA .

Igama lomenzi-sicelo okanye igama lobhaliso lweshishini, hayi igama lorhwebo, kufuneka liboniswe kweli candela.
apho kubonakala khona inkwenkwezana ekuthiwa yi-asterisk (), susa nayiphina efaneleke njalo.

Kwicandelo le Declaration , faka oku kulandelayo:

oonobumba bamagama okuqala kunye nefani yomntu owenza isicelo sokunikwa ilayisensi
isikhundla somntu owenza isicelo, umzekelo, uMqondisi, uManejala, uMnikazi
lo mntu wenza isicelo kufuneka atyikitye  ifom yesicelo
umhla esisayinwe ngawo esi sicelo
indawo esisayinelwe kuyo esi sicelo.

Gcwalisa ifom yesicelo uze uyise kwi-ofisi ekufuphi yeMirhumo yeMpahla eNgena eLizweni kunye neRhafu yeMpahla neZinto kunye neeLayisensi ezithile, ye-South African Revenue Service.
Faka kwifom yesicelo iikopi eziluqobo lwazo okanye eziqinisekisiweyo zale miqulu ilandelayo:

isatifiketi sobhaliso lweshishini njengoko sikhutshwe nguMphathi woBhaliso lweeNkampani okanye iNqununu yeNkundla ePhezulu kwimeko yeQumrhu lokuGcina ngeNtembeko.
isindululo okanye imvume okanye elinye igunya elibandakanyekayo.
iphepha lemvume  yeSebe lezoRhwebo naMashishini ukuba ziyabandakanyeka
iindlela zokubala ukubangaba wenza isicelo phantsi komba wokubuyiselwa imali ku 607.04.10, 607.04.10, 607.04.10 naku 607.04.10
iincwadi zezazisi xa umntu engummi waseMzantsi Afrika
Imiqulu yepaspoti kwimeko:

Yomntu ongahlali kweli lizwe
iqumrhu elingavulelekanga kunye nequmrhu lokugcina ngentembeko – onke amalungu, ogxa bentsebenziswano okanye amalungu aphathiswe iqumrhu ngentembeko
inkampani – bonke abaqondisi, kubandakanywa umqondisi olawulayo kunye nomqondisi wezemali.



Entla

Umthetho osetyenziswayo

Customs and Excise Act, 1964  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha liqingqwayo kule nkonzo.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Licensing/Registration of custom and excise clients, DA185 
Client Type 4 - Manufacturer Under AGOA, DA185.04 
Security particulars, DA185.C 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


